Ndiya esixekweni
Nomathamsanqa Dyasi
Brian Wambi
isiXhosa

Indawo apho kusima khona iibhasi kwidolophu yam yayizele iqhuqhuma ngabantu.
Omnye wabancedisi babaqhubi bebhasi wakhwaza esithi, "Kuyahanjwa ngoku, siya esixekweni!"
Abantu batyhalana apho befuna ukungena ebhasini.
Oomama ababenabantwana bahlala phantsi. Uhambo lwaluzaba lude.
Ndahlala ngase festileni, ecaleni komnye utata.
Ndandicinga ndisithi, "Ndiya esixekweni ngoku, ndizakulikhumbula ikhaya."
Ibhasi yayizele ngabantu abathengisa izimuncu-muncu.
Abanye babakhweli bathenga ezozimuncu-muncu. Mna ndandingenayo ne peni yokuthenga.
Ngesaquphe, umqhubi wabetha ixilongo.
Kwakulixehsa lokuba ibhasi induluke ukuya esixekweni.
Kwakulixehsa lokuba ibhasi induluke ukuya esixekweni.
Abathengisi batyhala-tyhalana apho ukuphuma ebhasini.
"Ngabe ndizakubuya nini na bethu?" Ndazibuza.
Kwakutshisa kakhulu ngaphakathi ebhasini. Ndazivalela amehlo wam.
Ndaye ndacinga ngomama nobhutana wam endandibashiye ekhaya.
Emva kwethuba elide, ndazumeka apho ndalala.
Emva kweyure eziliqela, ndaye ndaphaphama.
Phantse wonke umntu owayesebhasini sele emkile.
Phantse wonke umntu owayesebhasini sele emkile.
Kwakusokulixesha ngoku lokuba ndihambe ndiyokufuna umzi kamalume wam.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ndiya esixekweni
Author - Lesley Koyi and Ursula Nafula
Translation - Nomathamsanqa Dyasi
Illustration - Brian Wambi
Language - isiXhosa
Level - First sentences
Translation - Nomathamsanqa Dyasi
Illustration - Brian Wambi
Language - isiXhosa
Level - First sentences
© African Storybook Initiative 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org

