Batsha uboya bukaMvubu!
African Storybook
Little Zebra Books and Carol Liddiment


UMvundlana wawuzihambela ngasemlanjeni.
UMvubu wayezigramzela ingca emnandi eluhlaza.
Ngempazamo, uMvubu wanyathela uMvundla.
"Ndiyaxolisa kakhulu mhlobo wam, andikubonanga," watsho uMvubu.
UMvundla wathi kuMlilo, "Hamba, uyotshisa uMvubu. Undinyathele."
Kwevakala "u-wushu!" Watsho uMlilo ukubutshisa uboya bukaMvubu.
Wabaleka uMvubu ukuya emanzini. Bonke uboya bakhe babutshe baphela.
Yiyo loo nto imvubu ihambela kufuphi namanzi kuba yoyika ukutsha.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Batsha uboya bukaMvubu!
Author - Basilio Gimo and David Ker
Adaptation - African Storybook
Illustration - Little Zebra Books and Carol Liddiment
Language - isiXhosa
Level - First words
© Little Zebra Books 2014
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Original source http://www.littlezebrabooks.com/.

