Ukuhamba kunye
Zolile Kalashe
Louwrisa Blaauw
isiXhosa


Xa sihamba kunye kwaye indlela inde, sizakuhamba kunye sicula ingoma.
Ndinawe, nawe unam. Uhambo lumnandi nosapho lwethu.
Ndizakukugcina umfumamfuma okwemazi yesikhukukazi.
Igcina amantshontsho ayo efudumele ngaphantsi kwephiko layo.
Igcina amantshontsho ayo efudumele ngaphantsi kwephiko layo.
Xa imvula iqalisa ukuna ukusuka esibhakabhakeni, njengalamnqwazi umhle ndizakugcina ubuso bakho bomile.
Xa isaqhwithi samafu sibanomsindo kwaye simbimbozela kwaye sigcuma, qina, ukhalela ntoni? Awukho wedwa.
Sihamba kunye ngoko ke soze sibenesithukuthezi.
Jonga phezulu! Jonga okusirhangqileyo! Bona apho sihlole khona!
Jonga phezulu! Jonga okusirhangqileyo! Bona apho sihlole khona!
Ukuba ubona into ehlekisayo kuhle ukubona, andifuni ukuyiphosa.
Nceda wabelane ngayo nam!
Nceda wabelane ngayo nam!
Ukuba iinyawo zakho ziqalisa ukubabuhlungu ukusuka kumgama esiwugqithileyo, ungakhathazeki, siphumelele!
Nantsi ikliniki ekugqibeleni.
Nantsi ikliniki ekugqibeleni.
Sonke kufuneka sihlole imiqala yethu, imiphunga kunye neendlebe.
Yomelela njengokuba ukhula, asikho isizathu seenyembezi.
Yomelela njengokuba ukhula, asikho isizathu seenyembezi.
Ucinga ukuba kuyothusa?
Iza, ubambe isandla sam. Uzakukuhlolela uxinzelelo lwegazi ngelibhanti lengalo likrelekrele.
Iza, ubambe isandla sam. Uzakukuhlolela uxinzelelo lwegazi ngelibhanti lengalo likrelekrele.
Basinika amayeza ethu, sixelele ngento ekufuneka siyazile ukuzigcina sisempilweni.
Ngoku siyahamba siya ekhaya.
Ngoku siyahamba siya ekhaya.
Kufanelekile ukudinwa, kuninzi esikubonileyo.
Ngoku lixesha lakho lokulala.
Ulale kakuhle kwaye ubenamaphupha amnandi.
Ngoku lixesha lakho lokulala.
Ulale kakuhle kwaye ubenamaphupha amnandi.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ukuhamba kunye
Author - Jade Mathieson
Translation - Zolile Kalashe
Illustration - Louwrisa Blaauw
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs
Translation - Zolile Kalashe
Illustration - Louwrisa Blaauw
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs
© Jade Mathieson, Louwrisa Blaauw, Bianca De Jong, Book Dash 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Original source www.bookdash.org
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Original source www.bookdash.org


