African Storybook
Menu
ULilitha noLuniko batyelela umakhulu wabo
Xolisa Guzula
Catherine Groenewald
isiXhosa
ULilitha noLuniko babehlala esixekweni notata wabo. Babekulangazelela kakhulu ukuya eholideyini. Babengafuni nje ukuba izikolo zivalwe kodwa babefuna ukuya kutyelela umakhulu wabo. Wayehlala elalini enechibi elikhulu ekulotywayo kulo.
ULilitha noLuniko bachulumanca lakufika ixesha lokuyokutyelela umakhulu kwakhona. Phezolo, ngobusuku obungaphambili bapakisha iibhegi zabo belungiselela uhambo olude oluya elalini. Babengakwazi ukulala yimincili baze bahlala bancokola ngeholide yabo ubusuku bonke.
Ekuseni ngemini elandelayo, bahamba ngemoto katata wabo ukuya ezilalini. Yahamba imoto igqitha iintaba, izilwanyana zasendle kunye namahlathi.
Emva kwexesha elide behamba, abantwana badinwa baze balala.
Utata wabo wabavusa besakufika elalini. Bafika umakhulu wabo uNobuntu ephumle phantsi komthi. Igama elithi 'Nobuntu' ngesiXhosa lithetha umntu oxabise abanye abantu nozaziyo ukuba ungumntu ngabanye abantu. Wayelinina elihle elisele liqinile.
UNobuntu wabamkela emzini wakhe waze wadanisa ngaphakathi luvuyo. Abazukulwana bakhe bona babechumancile ngelixa babemnika izipho ababemthengele zona esixekweni. "Vula isipho sam kuqala," watsho uLilitha. "Hayi makhulu, vula esam kuqala!" watsho uLuniko.
Emveni kokuba ezivulile izipho, uNobuntu wabasikelela abazukulwana bakhe ngokwesithethe.
Emva koko uLilitha noLuniko baphuma baya phandle. Baqalisa ukuleqa amabhabhathane neentaka.
Bakhwela emithini, batshizana nangamanzi echibini.
Ngokuhlwa babuyela endlwini bayokutya isopholo. Kodwa basuka bozela phambi kokuba bagqibe ukutya kwabo.
Ngemini elandelayo utata wabantwana wabuyela esixekweni ebashiya nomakhulu wabo uNobuntu.
ULilitha noLuniko bancedisa umakhulu wabo ukwenza imisebenzi yasekhaya. Bayokukha amanzi futhi baya kutheza. Baqokelela amaqanda eenkukhu bakha nemifuno egadini.
Umakhulu uNobuntu wabafundisa abantwana bakhe ukupheka ipapa ababeza kuyitya nonqweme. Wababonisa nendlela yokupheka umngqusho oneembotyi.
Ngenye intsasa, uLilitha wakhaphela iinkomo zikamakhulu emadlelweni. Ngelishwa zangena entsimini yommelwane. Ummelwane waba nomsindo kakhulu yinto kaLilitha yokuyeka iinkomo zingene entsimini yakhe. Wamothusa ngokuba uza kuzibamba iinkomo ezitya izityalo zakhe. Emva kwaloo mini, uLilitha waqinisekisa ukuba iinkomo aziphindi zimfake engxakini kwakhona.
Ngenye imini abantwana baya emarikeni noNobuntu. Wayenestendi athengisa imifuno, amagwinya kunye nenyama kuso. ULuniko wayekuthanda ukuchazela abantu ngamaxabiso ezinto. ULilitha ekuthanda ukupakisha izinto ezithengiweyo.
Emva kwemini babeye baphunge ibholani kunye. Babencedisa umakhulu nokubala ingeniso ayenzileyo.
Kodwa iintsuku zeholide zafikelela ekupheleni ngokukhawuleza kwaye abantwana kwafuneka ukuba babuyele esixekweni kwakhona. UMakhulu wanika uLilitha ikepusi, waze wanika uLuniko isikipa. Wabapakishela umphako elungiselela uhambo lwabo.
Wathi xa utata wabo ebuya ezokubalanda, abantwana abafuna ukuhamba. Bamcenga, bambongoza uNobuntu ukuba ahambe nabo ukuya esixekweni. Umakhulu yena wancuma waze wathi, "Ndimdala kakhulu ukuba ndingahlala esixekweni. Ndiza kunilinda ukuba nizokundityelela apha elalini kwakhona."
ULilitha noLuniko bamqinisa ukumwola oku baze bamsalisa kakuhle.
Bakufika esikolweni uLilitha noLuniko bababalisela bonke abahlobo babo ngobomi baselalini. Abanye abantwana babecinga ukuba ubomi basesixekweni bobona bulungileyo. Abanye bona babecinga ukuba obaselalini bobona bungcono. Kodwa, ngaphezu kwento yonke, wonke umntu wavumelana noLilitha noLuniko ukuba banomakhulu othandekayo!
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
ULilitha noLuniko batyelela umakhulu wabo
Author - Violet Otieno
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Catherine Groenewald
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • Vakansie by Ouma
      Afrikaans (Adaptation)
    • Vakansies by ouma
      Afrikaans (Translation)
    • في عطلة مع الجدة
      Arabic (Translation)
    • Mondli Ne Mbali Kɔsra Wɔn Nanabaa
      Asante Twi (Translation)
    • Mupumuno Abankaaka
      ChiTonga (Translation)
    • Cuti kwa Ambuya
      CiNyanja (Translation)
    • Ywomirok bothi Adhadha
      Dhopadhola (Translation)
    • Holidays with grandmother
      English (Original)
    • Mondli and Mbali visit grandmother
      English (Adaptation)
    • Visiting grandmother
      English (Adaptation)
    • Holidays with grandmother (Colour-in)
      English (Adaptation)
    • Rendre visite à mamie
      French (Translation)
    • Siwtaare bee maama
      Fulfulde Mbororoore (Translation)
    • Cuuti Kuli Banakulu
      IciBemba (Translation)
    • Amalanga wokuphumula nogogo
      isiNdebele (Translation)
    • UMondli noMbali bavakashela ugogo wabo
      isiZulu (Translation)
    • Abana mu biruhuko
      Kinyarwanda (Translation)
    • Likizo kwa Bibi
      Kiswahili (Translation)
    • Kumtembelea Bibi
      Kiswahili (Translation)
    • Meemè yee wùn à yaàyá
      Lámnsoʼ (Translation)
    • Ohuŋuumulira Ewa Nguhwa
      Lunyole (Adaptation)
    • Ohuŋumulira Ewa Nguhwa
      Lunyole (Translation)
    • Ekiwuumulo ni dhaadha omukazi
      Lusoga (Translation)
    • Okucaalira dhaadha omukazi
      Lusoga (Translation)
    • Akilakin Ata Egolitoe Esukul
      Ng’aturkana (Translation)
    • Amaulukho Wa Kukhu
      Oluwanga (Translation)
    • Re etela koko
      Sepedi (Translation)
    • Matsatsi a phomolo le nkgono
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Morwesi le Pule ba etela nkoko
      Setswana (Translation)
    • Kwapumulo Ni Bokuku
      SiLozi (Translation)
    • Ngesikhatsi semaholide nagogo
      Siswati (Translation)
    • Mondli Ne Mbali N Kaa Ba Makpeem
      Talen (Translation)
    • Gui̱l Mandɔɔŋ
      Thok Nath (Nuer) (Translation)
    • Holodeyi na makhulu
      Tshivenḓa (Translation)
    • Ku endzela kokwana wa xisati hi tiholideyi
      Xitsonga (Translation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB