African Storybook
Menu
UNkukhu noSongololo
Xolisa Guzula
Magriet Brink
isiXhosa
UNkukhu noSongololo babengabahlobo. Kodwa babesoloko bekhuphisana ngento yonke. Ngenye imini bagqiba ekubeni badlale ibhola ekhatywayo babone ukuba ngubani oyena ubalaselayo ekuyidlaleni.
Baya ebaleni lebhola ekhatywayo baze baqalisa ukudlala. UNkukhu wayesenza iintshukumo ezikhawulezayo, kodwa uSongololo yena wayekhawuleza nangakumbi. UNkukhu wayeyikhaba iye kude ibhola, kodwa uSongololo wayeyikhaba iye kude kakhulu. UNkukhu waqala ke ngoku ukungonwabi.
Bagqiba ekubeni bakhabe amapenalthi. Kwaqala uSongololo ukuba agade iipali. UNkukhu wafaka inqaku elinye kuphela. Emva koko yaba lithuba likaNkunku ukunqanda ibhola ingangeni ezipalini.
USongololo wakhaba ibhola wakora. USongololo wajikajika nebhola waze wakora elinye inqaku. USongololo wayingquba ngentloko ibhola wakora nelinye inqaku. USongololo wakora kahlanu.
UNkukhu yamenza waba nomsindo into yokodlulwa nguSongololo. Wayengakuthandi ukogqithwa. USongololo wavele wamhleka nje ngoba umhlobo wakhe wayengonwabanga kwaphela.
UNkukhu wayenomsindo kakhulu waze wavula umlomo wakhe wamkhulu waze waliginya isongololo.
Kuthe xa uNkukhu egoduka, wadibana noMam' uSongololo. UMam' uSongololo wabuza, "Ukhe wambona umntwana wam torhwana?" UNkukhu akazange aphendule. UMam' uSongololo wakhathazeka.
UMam' uSongololo weva izwi elincinci. "Ndincede Mama!" UMama uSongololo walaqalaqaza wamamelisisa. Ilizwi lalivela ngaphakathi esuswini senkukhu.
UMam' uSongololo wakhwaza, "Sebenzisa amandla akho akhethekileyo mntwan'am!" Amasongololo ayakwazi ukukhupha ivumba elibi enze nokuba izinto zinambitheke kakubi. Kwangoko, uNkukhu waqalisa ukungaziva mnandi.
UNkukhu wakhonyuluka. Wabuye waginya waphinda wathufa. Wathimla, wakhohlela kaninzi. Isongololo lalimphathisa isicaphu-caphu!
UNkukhu wakhohlela wade waligabha isongolololo ebelisesuswini sakhe. UMama uSongololo nomntwana wakhe barhubuluza banyuka emthini ngeliya kuzimela.
Ukusukela ngaloo mini, iinkukhu namasongololo baba ziintshaba.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNkukhu noSongololo
Author - Winny Asara
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs
© African Storybook Initiative 2014
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • Hoender en Duisendpoot
      Afrikaans (Translation)
    • الدجاجة والدودة
      Arabic (Translation)
    • Nkhuku ndi Bongololo
      Chichewa (Translation)
    • Inguku ni Kiyongolo
      Chinkhonde (Translation)
    • Huku ne Zongororo
      ChiShona (Translation)
    • Nkuku a Joongola
      ChiTonga (Translation)
    • Nyoli ndi Bongolo
      Chitonga (Malawi) (Translation)
    • Nkuku na Bongololo
      CiNyanja (Translation)
    • Nkhuku na Bongololo
      Citumbuka (Translation)
    • Nguku ni Lijongolo
      Ciyawo (Malawi) (Translation)
    • Gweno Kodi Ongongolo
      Dhopadhola (Translation)
    • Mwanakhu ni Mongollo
      Ellomwe (Malawi) (Translation)
    • Chicken and Millipede
      English (Translation)
    • La Poule Et Le Millepatte
      French (Translation)
    • Poulet Et Mille-Pattes
      French (Translation)
    • Gortogal E Kaakatal
      Fulfulde (Translation)
    • Nͻbila La Katagune
      Gurene (Translation)
    • Kaza Da
      Hausa (Niger) (Translation)
    • Isikhukukazi noKhozo lombona
      isiXhosa (Translation)
    • UNkukhu noShongololo
      isiZulu (Translation)
    • UNkukhu noShongololo
      isiZulu (Adaptation)
    • Kuwui-a Dǝngaɍi-A
      Kanuri (Translation)
    • ǁGâu-anib tsî Tusôab hâkha xa
      Khoekhoegowab (Translation)
    • Nkoko na Magurijana
      Kinyarwanda (Translation)
    • Kuku na Jongoo
      Kiswahili (Translation)
    • Ŋgvəv wùn Ŋgom
      Lámnsoʼ (Translation)
    • Ukↄla Ni Gonlgonl
      Likpakpaanl (Translation)
    • Au Pi Ii Elirigabe
      Lugbarati (Original)
    • Au Pi Ii Elirigabe
      Lugbarati (Adaptation)
    • Ingokho Ni Likongolyo
      Lumasaaba (Translation)
    • Wankoko ni Waigongolo
      Lusoga (Translation)
    • Bakagwa Babiri
      Lusoga (Translation)
    • Noa Ni Sanguntiri
      Mampruli (Translation)
    • Shikondobolo naMbalangadja
      Oshikwanyama (Translation)
    • Ondjuxwa Nongongololo
      Oshindonga (Translation)
    • Koko la Kongolo
      Otetela (Translation)
    • Hunguriva ne Ngororo
      Otjiherero (Translation)
    • O Frango E O Gongolo
      Portuguese (Translation)
    • Galinha E Milípede
      Portuguese (Translation)
    • Nhunhwa nEgongorokani
      Rukwangali (Translation)
    • Enkoko N’ Ekikongoro
      Rutooro (Translation)
    • Kgogo le legokolodi
      Sepedi (Translation)
    • Kgoho le Lefokolodi
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Koko le Sebokolodi
      Setswana (Translation)
    • Kuhu Ni Likondondo
      SiLozi (Translation)
    • Inkhukhu nelishongololo
      Siswati (Translation)
    • Inkhukhu nelishongololo
      Siswati (Translation)
    • Nobil Ne Sanguin
      Talen (Translation)
    • Khuhu na Dongololo
      Tshivenḓa (Translation)
    • Huku na Khongoloti
      Xitsonga (Translation)
    • Gorŋo-Ɲa Nda Konjanje
      Zarma (Translation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB