African Storybook
Menu
Ukhozo lwembewu oluncinane
Nal'ibali
Maya Marshak
isiXhosa
Kwilali ekwithambeka leMount Kenya eMpuma Afrika, intombazanana encinane yayisebenza emasimini kunye nomama wayo.

Igama lale ntombazanana yayinguWangari.
UWangari wayekuthanda kakhulu ukuba phandle. Esitiyeni sakowabo semifuno wayeqhokra amagada ngephanga yakhe eyimatshete. Wayeqhusheka iinkozo zembewu ezincinane kuloo mhlaba ufudumeleyo.
Elona xesha lemini awayelithanda kakhulu kwakusemva nje kokutshona kwelanga. Xa sele kumnyama kakhulu ukuba zibonakale izityalo, uWangari wayesazi ukuba elo lixesha lokuba agoduke.

Wayelandela loo ndledlana inqumla emasimini, awele nemilambo xa egoduka.
UWangari wayengumntwana okrelekrele kwaye wayesele etshiseka, efuna ukuqalisa esikolweni. Kodwa umama notata wakhe babefuna ukuba ahlale ekhaya abancedise.

Xa wayeneminyaka esixhenxe ubudala, umntakwabo omdala wacenga abazali bakhe ukuba bamvumele aye esikolweni.
UWangari wayekuthanda kakhulu ukufunda!

UWangari wafunda ngakumbi kwincwadi nganye athe wayifunda. Waqhuba kakuhle kakhulu esikolweni kangangokuba wamenywa ukuba aye kufunda eMerika.

UWangari wayechulumance kakhulu! Wayefuna ukwazi nokufunda ngakumbi ngehlabathi.
Kwidyunivesithi yaseMerika uWangari wafunda izinto ezininzi ezintsha. Wafunda ngezityalo nendlela ezityalwa ngayo ukuze zikhule. Kananjalo wayikhumbula indlela awakhula ngayo: edlala imidlalo kunye nabantakwabo phantsi kwemithi yamahlathi amahle aseKenya.
Okukhona efunda kwaba kokukhona aqondayo ukuba ubathanda ngenene abantu baseKenya. Wayefuna ukuba bonwabe kwaye bakhululeke.

Okukhona efunda, kwaba kokukhona ekhumbula ikhaya lakhe lase-Afrika.
Wathi akuzigqiba izifundo zakhe uWangari, wabuyela eKenya. Kodwa ufike ilizwe lakhe litshintshile. Kwakukho iifama ezinkulu ezazinabele kulo lonke ilizwe lakowabo.

Abasetyhini babengenazo iinkuni zokubasa imililo ukuze bapheke. Abantu babehlupheka kwaye abantwana babelambile.
UWangari wayesazi ngqo ukuba makenze ntoni na. Wafundisa abasetyhini indlela yokulima imithi besebenzisa imbewu.

Aba basetyhini bayithengisa le mithi baze bayisebenzisa loo mali ukondla iintsapho zabo.

Abasetyhini ngoku nabo bonwaba kakhulu. UWangari wayebancedile ngokubaxhobisa ukuze bazive bomelele.
Kuthe ngokuhamba kwexesha, le mithi mitsha yakhula yangamahlathi, yaze nemilambo yaphinda yaqukuqela. Umyalezo kaWangari wasasazeka kulo lonke elase-Afrika.

Kunamhlanje nje, zizigidi ngezigidi zemithi ezikhule zisuka kwimbewu kaWangari.
UWangari wasebenza nzima kakhulu.

Abantu kwihlabathi liphela bakuqaphela oko, baze bamwonga ngembasa eyaziwayo. Le mbasa ibizwa ngokuthi yiMbasa yoXolo kaNobel, kwaye ube ngowasetyhini wokuqala wase-Afrika ukufumana le mbasa.
UWangari ubhubhe ngowama-2011, kodwa sicinga ngaye ngalo lonke ixesha sibona imithi emihle.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ukhozo lwembewu oluncinane
Author - Nicola Rijsdijk
Translation - Nal'ibali
Illustration - Maya Marshak
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs
© Nicola Rijsdijk, Maya Marshak, Tarryn-Anne Anderson, Bookdash.org and African Storybook Initiative 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Original source www.bookdash.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • 'n Klein Saadjie: Die Verhaal Van Wangari Maathai
      Afrikaans (Translation)
    • البذرة الصغيرة – حكاية ونقاري ماتهاي
      Arabic (Translation)
    • Abasem a ɛfa Wangari Maathai
      Asante Twi (Translation)
    • Njere yaing'ono: Nkhani ya Wangari Maathai
      ChiChewa (Translation)
    • Kambewu: Nkhani ya Wangari Maathai
      CiNyanja (Translation)
    • A tiny seed: The story of Wangari Maathai
      English (Original)
    • Making new forests
      English (Adaptation)
    • A tiny seed (Colour-in)
      English (Adaptation)
    • Une Petite Graine: L'Histoire De Wangari Maathai
      French (Adaptation)
    • Une Petite Graine: L’Histoire De Wangari Maathai
      French (Translation)
    • Awdi Cewndi: Geccawol Wanderimam Danasabe
      Fulfulde (Translation)
    • Awre peetel: Taaria Wangari Maathai
      Fulfulde Adamawa (Translation)
    • Mitsitsin Iri: Labarin Wangari Maathai
      Hausa (Nigeria) (Translation)
    • Yayyan Biciyoyi: Labaru Wanderimam Danasabe
      Hausa (Nigeria) (Translation)
    • Ulubuto Lunoono: Inshimi ya kwa Wangari Maathai
      IciBemba (Translation)
    • Imbewu encane
      isiZulu (Translation)
    • Nɨng py∂nɨng a Nyang-Sh∂ng:
      Jenjo (Translation)
    • Akabuto gato: Inkuru ya Wangari Maathai
      Kinyarwanda (Translation)
    • Wangari Maathai
      Kiswahili (Adaptation)
    • Wangari Maathai
      Kiswahili (Adaptation)
    • Hadithi kumhusu Wangari Maathai
      Kiswahili (Translation)
    • Sin titinyang: Chisung na Wanderimam Danasabe
      Kuteb (Translation)
    • Shiŋgoòy: Kimfèr Ke Wangari Mathay
      Lámnsoʼ (Translation)
    • Mukasigo akato: Olugero lwa Wangari Maathai
      Luganda (Translation)
    • Ensigo Entono
      Lusoga (Translation)
    • Gel Tuh Teri: Mul Wanderimam Danasabe
      Mambilla (Nigeria) (Translation)
    • Nderhere Nsungunu
      Mashi (Translation)
    • Jĩng Vu seseere: Ruu ka yuu Waawi Maading
      Mumuye (Translation)
    • Aŋerio ôllô odiha ꞌtô: Wangari Maathai
      Otuho (Translation)
    • Uma sementinha: A História de Wangari Maathai
      Portugues (Translation)
    • Peu ye nnyanennyane
      Sepedi (Translation)
    • Peo e nyane
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Embicha Tsubuh: Esuh Wangari Maathai
      Tigun (Translation)
    • Ishange Kon I Kiriki
      Tiv (Translation)
    • Èso Kékeré Kan: Ìtàn Tí Wangari Maathai
      Yoruba (Adaptation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB