Imvula
Letta Machoga
Marleen Visser

"Hayi Nomvula, sukudlala ngamanzi. Amanzi anqabile!" "Kushushu nje Mama! Ingathi ndingangena kula manzi. Ndifuna ukuphola."

1

"Hayi Nomvula, sukudlala ngamanzi. Amanzi anqabile!" "Kushushu nje Mama. Ndinxaniwe. Ingathi ndingasela amanzi abandayo."

2

Iyana imvula. Amanzi, aza kuba maninzi. Kodwa ngoku, andikwazi ukudlala. Ingathi kungabashushu.

3

Tyhini khangela izityalo. Ziyakhula, ziluhlaza. Jonga nee-emele nezitya zigcwele ziyaphuphuma ngamanzi.

4

Iyekile ngoku ukunetha imvula. Siza kutsho sidlale. Khangela ukuba kuhle kwelizwe emva kwemvula. Isibhakabhaka sihle. Futhi, kuluhlaza yaka! Imithi, ingca neentyatyambo zimibala-bala.

5

Owu, nantso inetha kwakhona le mvula. Sizakudlala nini?

6

Hayi mna, ndiza kudlala nokuba kuyanetha. Akusemnandi nje ukudlala emvuleni! Chapha chapha chapha! Imanz'ilokhwe yam! Imanz'ilokhwe yam! Chapha chapha chapha! Zimanz'iinwele zam! Zimanz'iinwele zam!

7

Nomvula! Awuva mntanam! Sondela, ndikusule iinwele, ndikukame. Chapha chapha chapha! Zimanz'iinwele zakho! Zimanz'iinwele zakho!

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Imvula
Author - Letta Machoga
Adaptation - Nolitha Bikitsha, Thandabantu Magengelele
Illustration - Marleen Visser
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs