Indebe yomhlaba: I-Chiefs ne-Aces
Letta Machoga
Vusi Malindi

Ifikile imini ekade ixelwa. Kuza kudlalwa! I-Chiefs ne-Aces ebaleni! Yiza kubukela! Yiza nevuvuzela yakho!

1

Makhosi amahle, indebe mayilale ekhaya! Ndifuna sisebenzisane, ukuze siyohlule i-Aces. Kufuneka sihlasele ngobuchule, siqaphele sabelane ngebhola.

2

Gqithisa, gqithisa Portia, Modise! Nqanda, nqanda Jomo! Nantso ke, nantso ke, mayiye ezipalini! Po-o-o-o! Po-o-o-o! Po-o-o-o! Yavakala ivuvuzela!

3

Nidlale kakuhle Makhosi amahle. Nihlasele ngobuchule. Niqaphele, kwaye nabelene ngebhola. Nisebenzisene.

4

Ezandleni! 'Ezandleni Makhosi, ezandleni!' watsho encoma umqeqeshi u-Coach.

5

Owu! Sidiniwe. Kodwa, bekumnandi ukuziqhelisa. Siza kudlala nini kanene Coach?

6

Ifikile imini ebikad'ixelwa! U-Coach usiphathele isinxibo. Halala Makhosi, halala! Kuza kudlalwa! Ngeyethu indebe, ngeyethu! Po-o-o-o-o! Po-o-o-o! Po-o-o-o-o! Yavakala ivuvuzela.

7

Asisesihle isinxibo sethu! Siyabulela Coach. Ungumqeqeshi wokwenyani!

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Indebe yomhlaba: I-Chiefs ne-Aces
Author - Letta Machoga
Adaptation - Nolitha Bikitsha
Illustration - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs