Ukudanisa
Mary Nabire
Catherine Groenewald

Ndidanisa xa ndonwabile, Ndidanisa xa ndibuhlungu, Ndidanisa xa ndindedwa, Ndidanisa xa ndicaphukile.

1

Utitshalakazi wam uthi, "Hlala phantsi uzole! Sukudanisa imini yonke."

2

Kodwa umama wam yena uthi, "Ukudanisa kwenza ube sempilweni, Ukudanisa kwenza ube mde, Ngenye imini uza kuba ngumdanisi, Kwaye uza kubamangalisa bonke!"

3

Kwaye mna ndithi, "Ngenye imini ndiza kudanisa kwaye abantu baza kubhatala xa befuna ukundibona nditsiba-tsiba kwaye ndizibhija-bhija." 'Udanisa kakuhle KAKHULU', baza kutsho.

4

5
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ukudanisa
Author - Mary Nabire, Tessa Welch
Translation - Neliswa Majola, Education without Borders
Illustration - Catherine Groenewald
Language - isiXhosa
Level - First sentences