UNozibele namanwele amathathu
Tessa Welch
Wiehan de Jager

Kudala-dala, amantombazana amathathu ahamba aya kutheza iinkuni.

1

Yayiyimini eshushu, ngoko ke baya ezantsi emlanjeni ukuya kuqubha.

Enye yamantombaza, egama linguNozibele, yayine neklesi entle yeentsimbi emqaleni wayo. Wayeyenzelwe ngumakhulu wakhe.

UNozibele wayikhulula ineklesi yakhe wayibeka ngononophelo elityeni phakathi kwengqumba zeenkuni. Wabe sele etsibela emanzini naye.

2

Balibala ngexesha.

Ngephanyazo, baphawula ukuba kwakurhatyele. Bangxama ukubuyela elalini.

3

Xa bekufutshane ekhaya, uNozibele wabeka isandla sakhe entanyeni. Wayelibele ineklesi yakhe!

Wathi kubahlobo bakhe, "Ncedani niphindele eliweni nam. Ndilibele ineklesi yam." Kodwa abahlobo bakhe balandula besithi, "Asinakuhamba nawe. Kusebusuku kakhulu, oomama bethu baza kusohlwaya."

UNozibele wacenga abahlobo bakhe ukuba bajike naye, kodwa bala.

4

Ngoko ke, uNozibele waya yedwa emlanjeni. Wayifumana eliweni ineklesi yakhe.

Wabeka iinkuni zakhe phantsi, wanxiba ineklesi yakhe, waza wachola iinkuni zakhe kwakhona.

Ngoku kwakusele kumnyama. UNozibele wangxama ukuya elalini. Kodwa, walahleka ebumnyameni.

5

Ekugqibeleni, uNozibele wabona ukukhanya kude phaya.

Wangxama ukuya ekukhanyeni. Wafumana indlu. Yayiyindlu encinane. UNozibele wankqonkqoza emnyango. Nkqo nkqo nkqo!

6

Wothuka ukubona inja ivula ucango. "Ufuna ntoni?" yabuza inja. "Ndilahlekile, yaye ndidinga indawo yokulala," waphendula uNozibele.

"Ngena," inja yatsho. "Andizange ndibe sendlwini yenja," waphendula uNozibele. "Ngena ngaphakathi, okanye ndiza kuluma!" yabhavuma inja. Ngoko ke, uNozibele wangena ngaphakathi.

7

Yaza inja yathi, "Ndiphekele!"

"Andizange ndaphekela izinja ukutya," watsho ngoloyiko uNozibele.

"Pheka! Okanye, ndiza kuluma!" yamsongela inja. Ngoko ke, uNozibele wayiphekela inja.

8

Yaza inja yathi, "Ndandlalele ibhedi!" UNozibele waphendula ngelizwi elingcangcazelayo luloyiko, "Andizange ndandlalela inja ibhedi."

"Yandlala ibhedi, okanye ndiza kuluma!" Yavungama inja. Ngoko ke, uNozibele wayandlala ibhedi.

9

Ngemini elandelayo, uNozibele wacinga ukuba angagoduka, kodwa inja yathi, "Yonke imihla, tshayela, upheke, kwaye undihlambele."

Ngoko ke uNozibele wahlala. Ngenye imini inja yathi, "Nozibele, namhlanje kufuneka ndindwendwele abahlobo abathile. Tshayela indlu, upheke ukutya, uze uhlambe izinto zam phambi kokuba ndifike."

10

Kwakamsinya yakumka inja, uNozibele waxhwitha entlokweni yakhe iinwele ezintanthu. Wabeka unwele lokuqala phantsi kwebhedi.

Wabeka unwele lwesibini emva kocango. Waza wabeka unwele lwesithathu ebuhlanti. Akugqiba, wabaleka ngesikhulu isantya ukuya kowabo.

11

Kungekudala, inja yafika endlwini yayo. Yakhangela uNozibele, kodwa ayamfumana. Yakhwaza, "Nozibele, uphi na?" "Ndilapha, phantsi kwebhedi," lwaphendula unwele lokuqala. Inja yakhangela phantsi kwebhedi, kodwa uNozibele wayengekho apho.

Yakhwaza kwakhona, "Nozibele, uphi na?" Unwele lwesibini lwaphendula, "Ndilapha, emva kocango." Yaza ke inja yakhangela emva kocango. Kodwa uNozibele wayengekho nalapho. Inja yaba nomsindo.

Yakhonkotha ngokukhwaza, "Nozibele, uphi na!" Unwele lwesithathu lwaphendula, "Ndilapha ebuhlanti!" Yakhangela ebuhlanti inja. Kodwa do! UNozibele.

12

Yaza ke inja yayazi ukuba uNozibele uyiqhathile. Yaba nomsindo kakhulu. Yabaleka, yabaleka, yabaleka yonke indlela eya elalini!

Kodwa elalini, amadoda ayelinde neentonga zawo. Ithe inja yakuwabona amadoda, yajika yabaleka.

Ayizange iphinde ibonwe ukususela ngaloo mini.

13
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNozibele namanwele amathathu
Author - Tessa Welch
Translation - Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Read aloud