UZama ubalasele
Michael Oguttu
Vusi Malindi

Umntakwethu omncinci ulala ezinzulwini zobusuku.

Ndivuka kwangethuba kuba ndibalasele.

1

Ndim ongenisa ilanga endlwini.

2

Umama uthi, "Uyinkwenkwezi yam ekhanyayo."

3

Ndiyazihlamba yonke imihla, andidingi kuncediswa.

4

Andinangxaki nokuhlamba ngamanzi abandayo okanye ukuhlamba ngesepha eluhlaza yokuhlamba iimpahla.

5

Umama uyandikhumbuza athi, "Ungawalibali amazinyo."

Ndiyaphendula ndithi, "Asoze, hayi mna!"

6

Emva kokuhlamba ndibulisa uTatomkhulu noDadobawo.

Ndibanqwenelela usuku oluhle.

7

Emva koko ndiyazinxibisa.

"Ndikhulile ngoku, mama," nditsho.

8

Ndiyakwazi ukuqhobosha amaqhosha am ndize ndibophe imitya yezihlangu zam.

9

Ndiyaqinisekisa ukuba umntakwethu omncinci uyazazi zonke iindaba zesikolo.

10

Kwigumbi lokufundela ndenza ngako konke okusemandleni am kuyo yonke into.

11

Ndenza izinto ezilungileyo yonke imihla.

Kodwa eyona nto ndiyithandayo, kukudlala ndidlale.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UZama ubalasele
Author - Michael Oguttu
Translation - Bukeka Mahlangabeza, Neliswa Pretty Magangxa
Illustration - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Level - First sentences