Isohlwayo
Adelheid Marie Bwire
Melany Pietersen

Ngenye imini, umama wathenga iintlobo-ntlobo zeziqhamo.

1

"Singazitya nini iziqhamo?" sabuza.

"Siza kuzitya namhlanje ebusuku," watsho umama.

2

Umntakwethu uRahim unyolukile.

Wazingcamla zonke iziqhamo. Watya ezininzi.

3

"Jonga wenze ntoni uRhahim!" wakhwaza watsho umntakwethu omncinci.

"URahim uyageza yaye ucingela yena yedwa," ndatsho.

4

Umama wayenomsindo ngakuRahim.

5

Nathi sasinomsindo ngakuRahim.

Kodwa uRhahim wayengazisoli.

6

"Uza kumohlwaya uRahim?" wabuza umntakwethu omncinci.

7

"URahim uza kuzisola kungekudala," walumkisa watsho umama.

8

URahim waqalisa ukuziva engaphilanga.

9

"Isisu sam sibuhlungu," wasebeza watsho uRahim.

10

Umama wayesazi ukuba uRahim uguliswa yintoni.

"Iziqhamo ziyamohlwaya uRahim," wacinga njalo.

11

Ethubeni, uRahim waxolisa kuthi. "Andisoze ndiphinde ndinyoluke," wathembisa.

Samkholelwa.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Isohlwayo
Author - Adelheid Marie Bwire
Translation - Bukeka Mahlangabeza, Neliswa Pretty Magangxa
Illustration - Melany Pietersen
Language - isiXhosa
Level - First sentences