UMgcini nomzi wakhe wezilwanyana
Nina Orange
Magriet Brink

Eli libali likaMgcini kunye nomzi wakhe wokugcina izilwanyana ezincinci ezingenabazali.

1

EyeThupha ibiyinyanga exakekileyo kuMgcini kwakunye nabancedisi bakhe kumzi wakhe wokugcina izilwanyana ezincinci.

2

UMkite ononyaka omnye wafika kuqala.

Wafika ngesigadla esidala esiluhlaza.

3

UMgcini nabancedisi bakhe bamsizela kakhulu uMkite.

Wayebhitye kakhulu yaye ekhathazekile.

4

Kodwa ngokukhawuleza uMkite waba namandla.

Waqalisa ukudlala nezinye izilwanyana kumzi wokugcina izilwanyana ezincinci.

5

Ngenye imini ngeyeThupha, kwafika inqwelo-ntaka kulo mzi wokugcina izilwanyana ezincinci.

6

UMgcini nabancedisi bakhe baya phandle ngokukhawuleza.

Kule nqwelo-ntaka kwakukho ithole lendlovu elalambathiswe ngengubo.

7

YayinguNdiwa.

Wayeneentsuku ezintlanu ezelwe.

UMgcini wamncancisa ibhotile uNdiwa.

8

Inkedama yesithathu kuloo nyanga yayinguMaliya.

Wafika kulo mzi wokugcina izilwanyana ezincinci ngetrektara ebomvu.

Wayeneenyanga ezintandathu ezelwe.

9

UMaliya, umkhombe, waba nobuhlobo no-Enkare, ithole lenyathi.

Babesiya kuyo yonke indawo kunye.

10

Ngabusuku buthile, wonke umntu wavuswa kukufika kuka-Ambiya.

11

U-Ambiya wayeneenyanga ezintlanu ezelwe.

Wayebuthathaka emva kohambo lwakhe olude.

12

Ngenxa yentamo yakhe ende, uMgcini wayeyibambela phezulu ibhotile ka-Ambiya xa emncancisa.

13

Amawele abhityilelyo amabini, u-Abheyi noMoyiti bafika phakathi kweyeThupha.

La maqhude ayeneeyure ezimbalwa ezelwe.

Ayegula kakhulu.

14

Wonke umntu wayekhathazekile kukusweleka kuka-Abheyi emva kweveki enye efikile kumzi wokugcina izilwanyana ezincinci.

Kodwa uMgcini nabancedisi bakhe bamsindisa uMoyiti.

15

Iinkedama zokugqibela ukufika yayinguKopi, uKepi kwakunye noKeji.

La mathole engonyama ayeneeveki ezimbini ezelwe.

Ayelambile kakhulu ngelixa efika.

16

UMgcini nabancedisi bakhe babezithanda zonke izilwanyana, nezo zazigeza.

17

Esona sasigeza yayinguLoboliya.

ULoboliya wayethanda ukufihla izipekisi zikaMgcini.

18

Abantu kulo mzi wokugcina izilwanyana ezincinci basebenza nzima ukukhathalela ezi zilwanyana.

Banethemba lokuba ngenye imini ezi nkedama zakukwazi ukuzikhathalela ngokwazo. Zize ke zibuyele endle.

19

Zazingakanani yaye zazingaphi? Funda ibali kwakhona, uze uphendule le mibuzo.

1. Zingaphi izilwanyana ezafika kumzi wokugcina izilwanyana ezincinci ngenyanga yeThupha? 2. Ngubani owafika kuqala ngala nyanga? 3. Sasinangaphi esi silwanyana? 4. Ngoobani abafika mva? Zazinangaphiezi zilwanyana? 5. Zeziphi ezona zilwanyana zincinci ezafikayo ngeyeThupha? 6. Zazingakanani? 7. Sesiphi esona silwanyana sidala ukufika ngeyeThupha?

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMgcini nomzi wakhe wezilwanyana
Author - Nina Orange
Translation - Bukeka Mahlangabeza, Neliswa Pretty Magangxa
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs