USilumko noRomani – Abahlobo bokwenyani
Ruth Odondi
Rob Owen

NguSilumko lo. Uneminyaka eli-10 kwaye ufunda kwibanga lesi-5 kwisikolo saselalini. USilumko uphuma phambili ngalo lonke ixesha kwiklasi yakhe. "Ingaba yintoni ihlebo lakhe?" oogxa bakhe basoloko bezibuza bengenampendulo.

"Uyagqwesa ekufundeni nasekubhaleni. Wenza njani?" bafuna ukuqonda. USilumko uyabaxelela ukuba ufunda kakhulu iincwadi. Xa bona belibele kukulova bengenzi nto, yena ulichitha ngokufunda ixesha lakhe.

1

Maxa wambi uSilumko ufumana imali engama-R80 ngeveki. Loo mali imnceda ekuthengeni iincwadi kwivenkile yeencwadi ezindala eselalini yakhe.

Uyifumana phi, njani le mali ingaka imenza akwazi ukuzithengela iincwadi? Funda uzokuzivela.

2

NguRomani lo, inkomo yakuloSilumko. Akohlisi yeha! Ukupha ngaphaya kweelitha ezingama-20 zobisi ngosuku ngalunye. Uyise kaSilumko uyaluthengisa olu bisi.

Inkomo kufuneka itye kwaye isele amanzi, ibe nalo nexesha lokudla edlelweni. Ngosuku ngalunye ukuphuma kwesikolo uSilumko uncedisa ngokwenza loo msebenzi. Uyise umkhuthaza ngokuthi amphe imalana ngokwenza lo msebenzi. Yile mali ke nathi ayigcine uSilumko eyenza ukuba akwazi ukuzithengela iincwadi ngeveki nganye.

3

USilumko uqala ngokumpha iminqathe uRomani. Umnika iminqathe esibhozo ngosuku. Le minqathe uyikha kwisitiya semifino sikayise yonke imihla kwaye iyanela.

Khawubale ke. URomani utya phantse iminqathe engama-60 ngeveki. Inoba utya iminqathe emingaphi kanye-kanye?

4

Emva koko uSilumko uyamkhaphela uRomani amse edlelweni. Uyise wamlumkisa ukuba alijonge ixesha ukuze uRomani angadluli kwiikota ezintathu zeyure esadla.

URomani ukholisa ukuqala ukudla malunga nomkhono emva kwentsimbi yesibini, ukuze uSilumko akwazi ukumbuyisela ebuhlanti ngentsimbi yesi-3. Xa kusebusika kuhlwa msinya, ngoko ke uqala ukudla kwangethuba malunga necala emva kweyokuqala.

5

Akugqiba ukudla uRomani uSilumko umpha amanzi. Kaloku akanakwehlisa uRomani xa engaseli manzi nokuba uSilumko angampha kakhulu kangakanani ukudla. USilumko ukha amanzi kwimpompo yaselalini kuba ayikho ekufuphi kowabo.

Umgqomo wamanzi kaRomani uthatha malunga neelitha ezingama-30 zamanzi. Igogogo likaSilumko lithatha umthamo ongangeelitha ezi-5 kuphela. Loo nto ithetha ukuba uSilumko uyaphindaphinda ukuya kukha amanzi. Ungakwazi ukubala ukuba uya kangaphi ukuya kukha amanzi?

6

Emva koko uSilumko usa uRomani kuyise ukuze afumane isahlulo sakhe sengxowa yelusini enzima kangange-12 kg. Xa ebala uSilumko ngama-90 kg ngeveki.

Ingxowa nganye ixabisa ama-R39. USilumko uyalibala ixabiso lelusini rhoqo ngeveki. Uqala abale ixabiso leengxowa ezisi-7, inye ibiza ama-R40 zize zizonke zenze ama-R280. Akugqiba uthabatha i-R7 ukuze afumane ama-R273. "Loo nto yenza ngaphaya kwe-R1 000 ngenyanga!" uqikelela atsho uSilumko. Ingaba unyanisile?

7

Uyise kaSilumko usenga uRomani kabini ngosuku. Ufumana iilitha ezingama-24 ngemini, malunga neelitha ezili-12 ngexesha ngalinye esenga.

Maxa wambi uSilumko uyancedisa asenge kodwa akululanga ngale ndlela kukhangeleka ngayo. "Kanti ngenye imini," wazicingela, "ndakuze ndibe nezam iinkomo ndizisengele."

8

Uyise uthatha ubisi olusegogogweni alugalele kwiikani ezincinci zeelitha ezimbini okanye kwiibhotile zelitha enye. Uye aluthengise ke ubisi ngee-R8 ilitha enye.

Kanye ngeveki uyise kaSilumko unikezela ngeelitha ezingama-25 zobisi kwisikimu sokutya sesikolo. Umntwana ngamnye ufumana ikota yelitha yolu bisi. Oko kuthetha ukuba abantwana abali-100 bafumana ubisi ngale mini.

9

Kwilitha nganye ethengisiweyo uSilumko ufumana iisenti ezingama-50. Xa ucinga asiyomali ingako leyo, kodwa xa uyise ethengisa ama-24 eelitha ngemini, ininzi loo mali. Ungayixela ukuba yimali ni?

USilumko uyayigcina imali yakhe kude kube nguMgqibelo xa esiya kula venkile ithengisa iincwadi. Incwadi nganye ixabisa ngaphantsi kwe-R10, into ethetha ukuba xa iveki ivumile angathenga zibe liqela.

10

USilumko uyakuthanda ukusela ubisi lukaRomani. Uyise uthi ubisi luyanceda ekomelezeni amathambo namazinyo kwaye lwenza umntu omelele abe sempilweni.

Ngokusela ubisi nokutya imifino esuka esitiyeni sikayise, uSilumko womelele kwaye uphile qete. Akafane agule kwaye akalambi.

11

USilumko akalibali nemini enye ukubulela uRomani ukuphela kwemini. Umbulela ngeminqathe eyongeziweyo okanye amagqabi esipinatshi awafumana ethe saa esitiyeni.

Enkosi Romani, ungumhlobo wokwenyani! Kungenxa yakho ndomele nje, ndisempilweni kwaye ndikrelekrele. Ukuba ibingenguwe ngendingakwazi ukuzithengela ezi ncwadi zindenza krelekrele ngolu hlobo eklasini yam.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
USilumko noRomani – Abahlobo bokwenyani
Author - Ruth Odondi
Translation - Bulelwa Nokele
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - Read aloud