UMinti noGwebu
Sorit Gupto
Sorit Gupto

UMinti uyakuthanda ukudlala namabhabhathane.

1

Kwakunye neentaka.

2

Uyakuthanda ukudlala ngezikhitshana zamaphepha.

3

Uyakuthanda kanti nokwenza amapomakazi ngesanti.

4

Xa uMinti ebuyela ekhaya, umama wakhe umcela ukuba acoce ikhaya lakhe. Kodwa uyala.

5

"Ndiyazicaphukela iisepha!" ukhwaza atsho.

6

Kwathi ngabusuku buthile uMinti wafumana iphupha. Ipomakazi lakhe lesanti laligcwele iintsholongwane, ezinye zazimhlasela.

7

Nanko uMinti eleqwa ziintsholongwane. Akazange abalekele obu bomi! Wakhala ekhwaza, "NcedaNceda!"

8

Ngephanyazo, kwavela uGwebu inkosi yeesepha. "Minti musa ukoyika," watsho uGwebu. "Hlaselani ezi ntsholongwane!" watsho uGwebu inkosi yeesepha eyalela umkhosi wakhe wogwebu.

9

Yeka oko umkhosi wogwebu ukuleqa ezo ntsholongwane!

10

Nanamhla uMinti uyakuthanda ukusebenzisa isepha. Uyazihlamba azigutyule ukuze acoceke.

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMinti noGwebu
Author - Sorit Gupto
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Sorit Gupto
Language - isiXhosa
Level - First words