UDyakalashe omaqhetseba nentakazana
Kholeka Mabeta
Benjamin Mitchley

Kwathi ngaminazana ithile uDyakalashe ekhangela ukutya, wabona intakazana ibhabha isiya emthini. Lentakazana yayiphethe igaqa elikhulu lesonka samanzi ngaloo mlonyana wayo utsolo.

1

"Ndiyasifuna esasonka samanzi," wacinga watsho udyakalashe. Sasibonakala simnandi kakhulu. Wayesele evuza izinkcwe umfo omkhulu. Wakhawuleza wosula umlomo esenzela ukuba intakazana ingamboni ukuba uyarhala.

2

Intakazana yayibhabhe imini yonke, koko yayidiniwe ifuna ukuphumla. Yathi ngcu kwisebe lomthi ithatha isiqabu. UDyakalashe wathi vovololo phantsi kwaloo mthi kuhleli kuwo intakazana.

3

UDyakalashe wabulisa intakazana enoncumo olukhulu. "Molo ntakazana! Ubukeka umhle kakhulu namhlanje. Iintsiba zakho ziyakhazimla ubukeka usempilweni. Kuyabonakala ukuba inene uzikhathalele."

4

Intakazana yaba negugu kakhulu xa isiva lamazwi amnandi kangaka. Kaloku iintakazana ziyakuthanda ukunconywa.

5

"Ndiva kusithiwa unelona lizwi limnandi kwaye ingoma yakho imyoli kuzo zonke iingoma zehlabathi," waqhatha watsho uDyakalashe. "Khawundiculele ingoma nje ibe nye."

6

Yho! Yavuthelana intakazana ngamabhongo isiva ukunconywa nguDyakalashe ingaqondi ukuba iyaqhathwa. Yavula amaphiko yatyhala isifuba isenzela ukuba liphume kakuhle ilizwi layo. Yatsho ngeyona ngoma yakhe yamnandi.

7

Khilikiqi! Saphuncuka isonka samanzi emlonyeni wentakazana sawela ezantsi kanye phambi koDyakalashe. Safika umfo omkhulu esilindile engafuni nokuba sifunyanwe ngumhlaba. Wasichola wabaleka naso ehamba esitya. Yathi isothuka intakazana ifuna isonka sayo wabe uDyakalashe ejikela igophe engena phakathi kwamahlahla.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UDyakalashe omaqhetseba nentakazana
Author - Kholeka Mabeta
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Benjamin Mitchley
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs