UDyakalashe neediliya ezimuncu
Kholeka Mabeta
Benjamin Mitchley

Kudala-dala, uDyakalashe wavuka elambe kakhulu.

Waphakama wangena ehlathini ekhangela indawo enokutya.

1

Wadibana nesitiya seediliya. Ezi diliya zazintle zijinga zibonakala ukuba zivuthiwe kwaye zivuzisa izinkcwe.

Ingxaki yayikukuba zazijinga phezulu kakhulu emthini.

2

"Kwowu, zikhangeleka zimnandi kanobom ke ezi diliya," wacinga watsho umfo wakwaDyaki.

Wahlehla umva elungiselela ukuthatha owona mtsi uphezulu ukuze afikelele kwezo diliya.

3

Nka phantsi! Kwavakala isithonga sokubhuleka kukaDyakalashe esiwa ngomqolo phantsi.

Ezi diliya zaziphezulu kakhulu kunokuba ebecinga.

4

Waphakama umfo omkhulu ezixelele ukuba akasoze atyhafe.

Wahlehla umva ngakumbi elungiselela ukuthatha isantya ukuze atsibele phezulu kakhulu.

Nka kwakhona! Wabetheka ngamandla kwesi sihlandlo.

5

Wazama wazama uDyakalashe eqhutywa liphango kodwa nkqi, wancama.

Wayetsiba abetheke phantsi wade wabuhlungu umqolo wakhe.

6

Ekugqibeleni wancama wanikezela.

Warhotyoza egoduka eqaqanjelwa esabanjwe linxele likakhetsekile.

7

Wayekhathazeke kakhulu uDyakalashe. Wema wajonga ngemva kwezi diliya azincamayo.

"Bezimuncu kakade nezi diliya," watsho uDyaki.

Wangena endleleni encamile elambe elufele.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UDyakalashe neediliya ezimuncu
Author - Kholeka Mabeta
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Benjamin Mitchley
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs