Abantwana bekhandlela
Southern African Folktale
Wiehan de Jager

Kudala, kwakuhlala usapho olonwabileyo.

1

Abazange balwe omnye nomnye. Babebanceda abazali babo ekhaya nasemasimini.

2

Kodwa babengavume-lekanga ukuba basondele emlilweni.

3

Kwakufuneka benze wonke umsebenzi wabo ebusuku.

4

Kuba babenziwe ngekhandlela!

5

Kodwa omnye wamakhwenkwe wayelangazelela ukuphuma phandle elangeni.

6

Ngenye imini ulangazelelo lwakhula ngamandla. Abantakwabo bamlumkisa.

7

Kodwa kwaku semva kwexesha! Wanyibilika elangeni elishushu.

8

Abantwana bekhandlela baba lusizi kakhulu ukubona untakwabo enyibilike waphela.

9

Kodwa, benza icebo. Babumba igaqa lekhandlela laba yintaka.

10

Bathatha umntakwabo oyintaka, bamsa phezu kwentaba ephakamileyo.

11

Njengoko ilanga liphuma, wabhabhela kude evuma kukukhanya kwakusasa.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Abantwana bekhandlela
Author - Southern African Folktale
Translation - Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - First sentences