UChat wazalwa engaboni ngamehlo wakhe.
Amehlo wakhe zange nangemini enye akwazi ukubona abazali bakhe, oobhuthi bakhe kunye noodadewabo. Wayesazi ubuso babo nje ngokubabamba.
Ngaminazana ithile, uChat wayehamba-hamba egadini.
Wayelithanda kakhulu iphunga elinuka kamnandi leentyatyambo. Wayethanda ukubamba amagqabi weentyatyambo athambileyo kanobomi.
UChat wayenqwenela kakhulu ukubona iintyatyambo ityeli noba linye qha.
"Zintle kakhulu ezintyatyambo," yatsho ngaphakathi lentwazana.
Rhoqo, uChat wayehamba-hamba egadini. Wayesekeyazi indlela eyakhona.
Ngalemini, waye wanyusela intloko yakhe esibhakabhakeni.
Ngesaquphe, weva ngokududuma kwezulu kunye nokubaneka.
Wacinga wathi, "Kuzakunyanzeleka ndikhawuleze ndingene endlini."
Imvula yaqalisa ukuna.
UChat watyibilika apho wayokuwa.
Wabetheka ngentloko elityeni.
Wathi xa evukayo, kwakunabantu abamngqongileyo.
"Kwenzeke ntoni kum?" yabuza lentwazana.
"Uye wawa wabetheka ngentloko mntwana wam," watsho utata wakhe.
"Sibulela uThixo ukuthi awulimalanga kakhulu ntombi yam," watsho umama wakhe.
"Tata, mama?" wababiza uChat. Waye wakhwaza namagama woobhuti bakhe kunye noodadewabo. "Ndicela nindiphaphele intyatyambo.
Wonke umntu wayemangele.
Usisi wakhe weza nayo intyatyambo.
UChat wayibamba ngocoselelo. "Yhu, intle kakhulu lentyatyambo," watso uChat.
Usapho lwakhe lothuka lwajongana.
"Chat, uyayibona loontyatyambo?" wabuza umama wakhe.
UChat waye wadlala ngentyatyambo eyayisesandleni sakhe.
"Nibahle ngokummangalisayo, nifana nale ntyatyambo," watsho encumile uChat.