Inyanga ne kepisi
Noni
Angie & Upesh

Sonke saya kwitheko lorhwebo eDasara.

1

Utata wathengela uChintu iindondo ezinomtsalane. Umama wandithengela ikepusi eqaqambileyo eluhlaza. Ubhabha wafumana iilekese.

2

Endleleni egodukayo, umoya omkhulu weza. Wavuthuza, ikepusi yam yaphaphatheka.

3

Ikepusi yam yaxhaseka esebeni lomthi omdala wephayphali.

4

Ndalila kakhulu. Kwaye andasitya isidlo sam sangokuhlwa.

5

Emva kwexesha ngobo busuku, inyanga yavela. Yajonga ikepusi yam emthini omdala wePhayphali.

6

Yayilinganisa ikepusi yam. Inyanga yancuma ngolonwabo. Ndancuma nam ngokunjalo.

7

Ukuphuma kwesikolo ngemini elandelayo, umama wam wandipha ikepusi ekhazimlayo, entsha, ebomvu. "Inyanga iyithumele," watsho.

8

Ngobo busuku, sobabini inyanga nam sathwala iikepusi zethu, sancuma. Sasonwabile.

9

Ucinga ukuba ilanga lifuna umnqwazi?

10

Qaqadisa yeyiphi ikepusi endiyithwalayo namhlanje?

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Inyanga ne kepisi
Author - Noni
Translation - Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Illustration - Angie & Upesh
Language - isiXhosa
Level - First words