Amalungiselelo amakhulu eMbovane Encinane
Candice Dingwall
Steven McKimmie

Iimbovane ziqokelela ukutya ezikutyayo.

1

IMbovane Encinane ingafunda usuku lonke. Ingafunda ifunde kuphele usuku.

2

Ezinye iimbovane zithatha oko zikufumanayo ukugcinela ubusika ngaphantsi komhlaba.

3

Umama kunye notata wayo bacaphuka kakhulu, kwaye iMbovane Encinane yaziva idakumbile ngokwenyani.

4

Ekwindla xa amagqabi ewela phantsi, iimbovane kufuneka zigcine ukutya ngaphantsi komhlaba.

5

Ikumkanikazi ifuna ukutya kokugcwalisa uvimba wayo, ngoko ke zonke iimbovane kufuneka zisebenze kakhulu.

6

IMbovane Encinane iqalisa ngokukhwaza ngendawo efunde ngayo.

"Irestyurenti yinto efunekayo, indawo apho abantu batyela khona. Itsho njalo kwiincwadi endizifundayo."

7

Iimbovane zahamba ngomkrozo nganye nganye. Zisenza umkrozo ekutshoneni kwelanga.

8

Kwaye iMbovane Encinane yathi, "Hey, naku okunye!"

9

Iimbovane zihamba ngomkrozo nganye nganye, zithwele i-burger, zithwele ibhansi.

10

Xa zibuyela Ikumkanikazi iyavuya. Oovimba bagcwele. Zivuya ngathi ziphambene.

11

Imbovane ifumana ukugonwa ngumama notata.

12

Udade wayo omncinane ubamba isandla sayo "Ngoku ndicinga ukuba ndiyayiqonda."

"Indlela othanda ngayo ukufunda incwadi … indenza ukuba ndikrwaqule."

13
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Amalungiselelo amakhulu eMbovane Encinane
Author - Candice Dingwall
Translation - Zolile Tricarter Kalashe
Illustration - Steven McKimmie
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs