U-Daisy omangalisayo!
Nozizwe Herero
Siya Masuku

Kwathi ke kaloku ngantsomi, kwifama encinane kufuphi nelali encinane…

1

kwakuhlala khona inkukhu encinane ebizwa ngokuba ngu Daisy.

2

"Xa ndikhula, ndifuna ukubhabhela phezulu, phezulu esibhakabhakeni," watsho u-Daisy.

3

Kodwa zonke ezinye iinkukhu zamhleka.

4

"Awuqhelekanga," zatsho. "Asoze siphinde sidlale nawe."

5

"Daisy, sonke singabhabhazela amaphiko ethu kodwa kunzima kakhulu kwiinkukhu ukuba zibhabhe,"
U-Mama wamxelela.

6

U-Daisy zange anikezele. Ngazo zonke iintsuku waziqhelisa, eqhwaba amaphiko akhe.

Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ebhabhazela amaphiko akhe kodwa wayengenako ukuphakama asuke emhlabeni.

7

Ngelixa eziqhelisa, umfanekiso-ngqondweni wokubhabhela phezulu esibhakabhakeni kwaye ejonge kwiinkukhu ngezantsi.

Ebebanomfanekiso-ngqondweni wokubhabha edlula oonondlwane kwaye edlula iinkonjane. "Huntshu!" iintaka zathi. "Inkukhu engabhabha!"

8

Ngoko ke … wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ngazo zonke iintsuku.

9

U-Daisy ube ngabhabhazela amaphiko akhe. Ube ngaphakama ukusuka emhlabeni kodwa awele phantsi kwakhona.

10

"Asoze ndikwazi ukubhabha!" U-Daisy walila kumama wakhe. "Abanye banyanisile."

11

"Daisy, wohlukile kwezinye iinkukhu. Azifuni ukubhabha kodwa uyafuna! Ungakwenza oko," Watsho uMama.

12

Kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu kwendlu yeenkukhu kwaye wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela amaphiko akhe.

Wabhabhela emoyeni, kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye …

13

BAM!

14

Ezinye iinkukhu zahlekela phezulu. "Ha ha ha! Sikuxelele! Iinkukhu azinako ukubhabha!"

15

Kodwa kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu, phezulu encotsheni karontabile.

Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, u-Daisy wabhabhazela amaphiko akhe.

16

Wabhabhela emoyeni kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …

17

Waqhubeka ebhabha! Umoya ngaphantsi kwamaphiko akhe wabamninzi kwaye wabhabha ukuya phezulu nangaphezulu!

Oonondlwane kunye neenkonjane zathi, "Ngumangaliso! Inkukhu ebhabhayo!"

18

Kwaye ezinye iinkukhu zazifuna ukufana naye.

19

Zathi, "Oh Daisy, uyamangalisa!"

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
U-Daisy omangalisayo!
Author - Nozizwe Herero
Translation - Zolile Kalashe
Illustration - Siya Masuku
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs