Kwathi ke kaloku ngantsomi, kwifama encinane kufuphi nelali encinane…
kwakuhlala khona inkukhu encinane ebizwa ngokuba ngu Daisy.
"Xa ndikhula, ndifuna ukubhabhela phezulu, phezulu esibhakabhakeni," watsho u-Daisy.
Kodwa zonke ezinye iinkukhu zamhleka.
"Awuqhelekanga," zatsho. "Asoze siphinde sidlale nawe."
"Daisy, sonke singabhabhazela amaphiko ethu kodwa kunzima kakhulu kwiinkukhu ukuba zibhabhe,"
U-Mama wamxelela.
U-Daisy zange anikezele. Ngazo zonke iintsuku waziqhelisa, eqhwaba amaphiko akhe.
Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ebhabhazela amaphiko akhe kodwa wayengenako ukuphakama asuke emhlabeni.
Ngelixa eziqhelisa, umfanekiso-ngqondweni wokubhabhela phezulu esibhakabhakeni kwaye ejonge kwiinkukhu ngezantsi.
Ebebanomfanekiso-ngqondweni wokubhabha edlula oonondlwane kwaye edlula iinkonjane. "Huntshu!" iintaka zathi. "Inkukhu engabhabha!"
Ngoko ke … wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, ngazo zonke iintsuku.
U-Daisy ube ngabhabhazela amaphiko akhe. Ube ngaphakama ukusuka emhlabeni kodwa awele phantsi kwakhona.
"Asoze ndikwazi ukubhabha!" U-Daisy walila kumama wakhe. "Abanye banyanisile."
"Daisy, wohlukile kwezinye iinkukhu. Azifuni ukubhabha kodwa uyafuna! Ungakwenza oko," Watsho uMama.
Kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu kwendlu yeenkukhu kwaye wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela amaphiko akhe.
Wabhabhela emoyeni, kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye …
BAM!
Ezinye iinkukhu zahlekela phezulu. "Ha ha ha! Sikuxelele! Iinkukhu azinako ukubhabha!"
Kodwa kusuku olulandelayo u-Daisy wakhwela ngaphezulu, phezulu encotsheni karontabile.
Wabhabhazela, wabhabhazela, wabhabhazela, u-Daisy wabhabhazela amaphiko akhe.
Wabhabhela emoyeni kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe … kwaye wabhabhazela amaphiko akhe …
Waqhubeka ebhabha! Umoya ngaphantsi kwamaphiko akhe wabamninzi kwaye wabhabha ukuya phezulu nangaphezulu!
Oonondlwane kunye neenkonjane zathi, "Ngumangaliso! Inkukhu ebhabhayo!"
Kwaye ezinye iinkukhu zazifuna ukufana naye.
Zathi, "Oh Daisy, uyamangalisa!"