UNonkungu nembulu
Alan Kenyon
Wiehan de Jager

Kudala kwakukho indoda kunye nenkosikazi yayo. Babehluphekile. Babenomntwana omnye kuphela, intombazana, egama linguNonkungu. UNonkungu wayemhle kwaye enobubele. Abazali bakhe babemthanda kakhulu.

1

Ngenye imini abazali bakhe bagqiba kwelokuba bathumele uNonkungu ayokuhlala nomalume wakhe uMtonyama. Umalume uMtonyama wayeyindoda eyayifumile. Umama kaNonkungu wenza umbhinqo ngeribhoni, amaqhosha nneentsimbi. Wenza nentsimbi yomqala entle, esenzela uNonkungu. Ngenye intsasa, uNonkungu wabashiya abazal bakhe esiya kumzi kamalume wakhe.

2

Endleleni uNonkungu wafika emfuleni. Wawuwela umfula, esebenzisa amatye okucangcatha. Kwicala elingaphesheya wadibana nentombazana elula inxibe amadlakadlaka.

3

"Uya phi na?" Yabuza intombazana elula. "Ndiya kundwendwela umalume wam uMtonyama," watsho uNonkungu. "Loo nto iyammangalisa," yatsho intombazana elula. UMtonyama ngumalume wam nam, kwaye nam ndisendleleni eya kundwendwela yena.

4

Yaza ke intombazana elula yathi, "Umbhinqo wakho mhle kakhulu nazo iintsimbi zakho zintle ngokunjalo. Nceda undivumele ndizilinganise." Ngoko ke, uNonkungu wakhulula umbhinqo neentsimbi.

5

Intombazana elula yakhulula amadlavu ayo, waza uNonkungu wabona ukuba intombazana elula inomsila. UNonkungu wayazi ngoku ukuba le ntombazana ngenene yimbulu. Woyika uNonkungu. Imbulu yanxiba umbhinqo nentsimbi yomqala. Waza uNonkungu wanxiba amadlavu.

6

Bahamba kunye. Emva kokuba behambe umganyana omfutshane, uNonkungu wathi kwimbulu, "Nceda undinike umbhinqo wam neentsimbi zam." "Kha undivumele ndizinxibe side siyokufika kulaa mthi," yatsho imbulu, isalatha umthi osendulini.

7

Xa befika emthini, uNonkungu wathi kwimbulu, "Nceda undinike umbhinqo neentsimbi zam." "Kha undivumele ndizinxibe side sifike kulaa mfula ulandelayo," yatsho imbulu. UNonkungu wayesoyika ngoko ke wavuma.

8

Ekugqibeleni bafika emfuleni. Kwakhona uNonkungu wacela imbulu, "Nceda undinike umbhinqo wam neentsimbi zam." "Kha undiyeke ndizinxibe nje side siyokufika kulaa ndlu, apho abafazi bahleli khona," yatsho imbulu. Baza baqhubeka behamba.

9

Bathi bakufika endlwini, imbulu yatyhalela uNonkungu ngemva, yaza yathi kubafazi abahleli ngasendlwini, "Jongani le ntombazana inxibe amadlavu. Ebesoloko elandelana nam imini yonke. Ndinqwenela ukuba ahambe. "UNonkungu waba neentloni noloyiko, kangangokuba wabalekela ebuhlanti, wazimela.

10

Yaza imbulu yaya kwindlu kamalume uMtonyama yathi, "Ndingumtshana wakho, uNonkungu. Abazali bam bandithumele ukuba ndizokuhlala nawe." UMtonyama wayamkela intombazana elula eyayiyimbulu ngenene. UMtonyama nosapho lwakhe babenobubele kwimbulu kuba babecinga ukuba nguNonkungu. Kodwa usizana olunguNonkungu kwafuneka lulale ebuhlanti abelane nezinja ngokutya.

11

Emini uNonkungu waya ethafeni, wacula: "Owu! Kha undisizele, ndisizele. Bendithunywe ngutata nomama ukuba ndiyokuhlala nomalume, uMtonyama. Endleleni ndadibana nembulu yaza yathatha umbhinqo wam neentsimbi zam. Owu! Ndisizele, ndisizele."

12

Ngenye imini, abanye abantu bayiva le ngoma, baxelela uMtonyama ukuba bekukho intombazana elula ethafeni ecule eyona ngoma imnandi nelusizi. Ngaloo mva kwemini, uMtonyama waya ethafeni. Weva umntu othile ecula. Walinda emva kwesihlahla, wamamela. UMtonyama waya kwimvumi. Yayinxibe amadlavu embulu.

13

UMtonyama wayibuza, "Ungubani, ungumtshana wam, uNonkungu?" Waza uNonkungu wamxelela into eyenzekileyo. UMtonyama wamthatha uNonkungu waya naye ekhaya, wamzimelisa endlwini.

14

UMtonyama wakhe weva ukuba umsila wembulu uyaluthanda ubisi kwaye awunakulidlula ngaphandle kokusela intwana yalo. Ngoko ke, wacela amadoda akhe ukuba ombe umjelo onzulu ukuze awuzalise ngamasi.

15

Aza onke amantombazana elali abizelwa kwindawo yakwaMtonyama ukuya kuthatha inxaxheba kugqatso lokutsiba. Intombazana nganye yayizakutsiba ngaphezu komjelo. Intombazana eyayinxibe umbhinqo neentsimbi zikaNonkungu yayixhalabile. Zange ifune ukutsiba phezu kumjelo. Yayisazi ukuba umsila wayo uza kunxanelwa amasi. Ngoko ke, imbulu yaya endlwini, yaza yabophelela umsila wayo emqolo wayo kangangoko inako. Yaza yathatha indawo yayo njengamanye amantombazana.

16

Ekugqibeleni yaba lithuba lembulu ukutsiba. Yazama ukutsibela phezulu ngaphaya komjelo, kodwa umsila wayo waqhawuka, waphuncuka, wayitsalela ezantsi, ezantsi, ezantsi emasini.

17

Njengoko iduntsalaza emasini, amadoda akhawuleza azalisa umjelo ngesanti aza ayingcwaba imbulu. Yaba sisiphelo sayo. UNonkungu wahlala ngokonwaba nomalume wakhe ixesha elide kakhulu.

18
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNonkungu nembulu
Author - Alan Kenyon, Viv Kenyon
Translation - Ntombizodwa Gxowa-Dlayedwa
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs