UMbhongolo, usana olusisimanga
Lindiwe Matshikiza
Meghan Judge

Yabayintombazana encinane eyabona umbono omangalisayo usondela.

1

Uthe xa ukufutshane, intombazana yabona ukuba ngumama okhulelweyo.

2

Yathi ithandabuza injalo, yaqweba isibindi yaya kuye umama okhulelweyo.

"Uzohlala nathi," bagqiba abantu bakulontombazan' encinci. "Sizomkhusela yena kunye nosana lwakhe."

3

Usana lwakhawuleza ukuza emva koko. Wonke umntu wayefuna ukuncedisa.

"Thyala!" "Yizani neengubo!" "Namanzi!" "Thyaaaaala!"

4

Kodwa bathi abantu bakubona usana, batsiba bonke kukothuka. "Imbhongolo?!"

5

Baqala baphikisana. "Besithe sizomkhusela umama kunye nosana. Kufuneka senze njalo," kwatsho abathile.

"Kodwa bazosiphathela amashwa!" kwatsho abanye.

6

Wazibona eyedwa kwakhona umama. Wayexakiwe ukuba uzoluthini olusana olusisimanga kangaka. Wayengazi nokuba makazithini yena kuqala.

7

Kodwa ekugqibeleni, walwamkela usana lwakhe. Intokunayo, ukuba usana lwaluye lwahlala luluncinci lunjalo, izinto ngezingazange zijike.

8

UMbhongolo olusana wakhula, wakhula wade wangalingani kumama emqolo. Wathi noba ezama kangakanani, wangakwazi ukuziphatha ngendlela eqhelekileyo yabantu.

Umama wayeseyehleli ediniwe kwaye enxunguphele nguye. Ngamanye amaxesha wayemenzisa imisebenzi yezilwanyana.

9

Umsindo wazala ngaphakathi kuMbhongolo.

Wayengazi noba makaphathe eyiphi, ayeke eyiphi. Wabangazama le, aphinde azame leya, angalungi.

Wakhula umsindo wade ngenye imini uMbhongolo wakhaba umama wayowa phantsi bhaxa masele!

10

Emva koko uMbhongolo wathi shu ziintloni. Wabaleka ngokukhawuleza, wemka.

11

Ubaleke kwade kwabasebusuku, waziqonda ukuba ulahlekile.

"Hiyo?" watsho etsholo phantsi ebumnyameni. "Hiyo?" ubumnyama nabo baphendula. Wayeyedwa tshu! Wazisonga njengebhola, wozela walala ubuthongo obunzulu kodwa obungemnandi.

12

Uthe xa evuka uMbhongolo wabona ixhego angalaziyo limjongile.

Walijonga naye emehlweni waziva efikelwa yintwana yethemba.

13

UMbhongolo wahamba wayohlala nalo ixhego. Ixhego lamfundisa iindlela ngeendlela zokuphila.

UMbhongolo waphulaphula, wafunda lukhulu. Nexhego nalo lafunda kuMbhongolo. Bahlala kamnandi bencedisana bonwabile.

14

Kuthe ngenye intseni, ixhego lacela uMbhongolo ukuba aliqabelise phezu kwentaba.

15

Bathe xa bephezulu, phakathi kwamafu, bozela balala. UMbhongolo waphupha ngathi umama wakhe uyagula, uyambiza.

16

Xa evuka, amafu abe enyamalele, kunye nomhlobo wakhe, ixhego.

17

UMbhongolo wayazi into ekufuneke eyenzile.

18

Wemka wayofuna umama wakhe.

Wamfumana eyedwa elilela usana lwakhe olulahlekileyo. Xa bebonana, baqala ngokujongana ithuba elide. Emva koko bawolana ngamandla.

19

Ngoku uMbhongolo, usana olusisimanga benomama sebefunde izifundo ezininzi ngendlela yokuphila kamnandi kunye.

Ngokuya kusiya nezinye iintsapho nazo zithoba umxhelo.

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMbhongolo, usana olusisimanga
Author - Lindiwe Matshikiza
Translation - Nana Zajiji
Illustration - Meghan Judge
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs