Ingaba ukhona omnye ofana nam?
Fred Strydom
Jess Jardim-Wedepohl

Ndiyacinga ukuba ukhona ondim nakweyiphina indawo ehlabathini.

1

Okhangeleka ngokufanayo.

2

Nothetha ngokufanayo.

3

Nonamafongqofongqo afana nawam kananjalo.

4

Omnye onamehlo am kunye neendlebe zam.

5

Nonokuhleka okunjengokwam kananjalo.

6

Ongenza into endingayenza.

7

Nongenako ukwenza endingenako ukukwenza.

8

Ndiye ndakhangela kwaye ndakhangela yonke indawo ukuba ndifumane omnye ondim. Ndiye ndehla ndaya epakini kwaye ndakhangela emva kwemithi.

9

Ndikhangele konke okundingqongileyo, phezulu nasezantsi.

10

Kubo bonke ubuso.

11

Andikwazanga ukufumana omnye ondim nakweyiphina indawo.

12

Kukho ondim omnye kuphela ehlabathini! Ndindodwa, oh yinyaniso!

13

Kodwa nje ingendim, awuboni? Kukho omnye kuphela onguwe!

14
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ingaba ukhona omnye ofana nam?
Author - Fred Strydom
Translation - Zolile Tricarter Kalashe
Illustration - Jess Jardim-Wedepohl
Language - isiXhosa
Level - First sentences