Ukukhangela umoya weNtwasahlobo
Mosa Mahlaba
Selina Masego Morulane

Ubusika obuqhaqhazelisa amazinyo babusele budlulile. Kwakusele kuza kungena iNtwasahlobo elalalini kaKhwezi. Kungekudala abahlali babesele belungiselela ukubhiyozela ixesha lokuthwasa konyaka, iNtwasahlobo. UKhwezi wayelulangazelela ngaphezulu kwezinye iintsuku olu suku lokubhiyozelwa kokuthwasa kwehlobo.

1

Ngenye imini wathi uKhwezi ezihlelele nje, weva abantu abadala ababini bexoxa ngalo mbhiyozo. "Abantu balapha eNdlovu abasenawo umdla nomoya wokubhiyozela ukuthwasa kwehlobo," watsho omnye waba. "Singakubhiyozela njani ukuthwasa kwehlobo njengokuba abantu sele balibalayo ngalo mbhiyozo?" Wabuza omnye.

2

Kwamkhathaza kakhulu ukuva le nto uKhwezi. "Liza kuphinde libe shushu njani ilanga xa singalivusi ebuthongweni basebusika?" wazibuza. Wahlala wacinga ixesha elide. "Kufuneka ndifumanise ukuba yintoni kanye kanye esingasayaziyo," wathatha esi sigqibo. "Kufuneka ndihambe ndiyokufuna izinto ezingabuyisa umdla nomoya wokubhiyozela eli xesha lonyaka."

3

Abantu abadala bamsikelela kuhambo awayeza kuluthatha. Bamnika isingxobo awayeza kufaka kuso izinto awayeza kuzifumana eluhambeni. UKhwezi wayesoyika kodwa ekwakholelwa ekubeni uhambo lwakhe luza kuba yimpumelelo.

4

UKhwezi wahamba imini yonke. Wayesenyuka aphinde ehle emimangweni. Wawela umlambo omkhulu wenyuka nasemaweni. Wahamba njalo edlula amathafa waze wayokufika phantsi kweentaba ezibomvu.

5

Ngokuhlwa, uKhwezi wafika elalini eyayinezindlu ezipeyintwe ngeephatheni ezimibalabala awayengazange ayibone ngaphambili. Waxelela abantu abadala bakule lali ngohambo lwakhe nezicwangciso zakhe zokubuyisela ukubhiyozelwa kwentwasahlobo. Umama wesi sizwe afikele kuso wapha uKhwezi isipho. Wathi kuye, "Sikupha le peyinti ngothando olukhulu, yeyona eza kubuyisa umbala elalini yakho esele ikhangeleka imthuqwasi ngebala." UKhwezi wabulela kakhulu kubantu abadala waze wafaka ipeyinti esingxotyeni sakhe. Ekuseni ngemini elandelayo, waqhubeka nohambo lwakhe. Wayonwabe kakhulu sisipho sakhe sombala.

6

UKhwezi wahamba imini yonke ethubeleza phakathi kwemithi emikhulu yasehlathini. Kuthe xa kuqalisa ukuhlwa, apho wayengasaboni kakuhle weva isandi segubu elikhalayo. Waxhabashela apho lalikhala ngakhona igubu eziva elangazelela ukuxhentsa nangona iinyawo zakhe zazidiniwe nje.

7

UKhwezi wabona sele efikile elalini yakwaBhubesi. Wafika abantu behleli berhangqe umlilo bebetha amagubu becula nokucula. Wayengazange awuve umculo omnandi ngolwa hlobo. Wafika wabachazela ngehambo yakhe abantu abadala bale lali. Wabaxelela ngohambo lwakhe olunjongo zikukubuyisa ukubhiyozelwa kweNtwasahlobo kwilali yakokwabo. Abantu bakwaBhubesi bamcela ukuba alale ngobo busuku ukuze aphumle.

8

Ekuseni inkosi yabiza uKhwezi. "Mntwan'am' yatsho inkosi, "Nali igubu elingafaniyo namanye. Lidlala ingoma entsha ngalo lonke ixesha uqalisa ukulidlala." UKhwezi wabulela kakhulu. Wathatha igubu walifaka esingxotyeni sakhe. Waqhubeka nohambo lwakhe esivuyela kakhulu isipho sakhe sokudlala iingoma ezinesingqisho eziza kwenza ukuba abantu bavakalelwe baxhentse."

9

Ngosuku lwesithathu lohambo lwakhe wathi uKhwezi xa egqitha kumadlelo eenkomo ezityebileyo zale lali, waqala warhogola ivumba elithile. Yayilivumba lenyama. Wathi akuva eli vumba wavuza izinkcwe. Wahamba walandela umkhondo oya kwicala apho laliphuma ngakhona ivumba elimnandi de wayokufika. Wafika abantu belali bemile bejikeleze iimbiza ezazipheke unqweme. Esi sizwe sasidume kakhulu ngokupheka kwaye uKhwezi wayengazange akungcamle okunjalo ukuba mnandi ukutya ngaphambili. Emveni kokuba etyile, waqala wachazela abantu ngohambo lwakhe. Wabaxelela ngeenjongo zakhe zokubuyisela umbhiyozo weNtwansahlobo kubantu belali yakhe.

10

Ngentseni elandelayo, iqela labapheki lamnika iziqholo zokutya ezazingaziwa mntu. "Ntwazana," batsho abapheki, "Xa usebenzisa ezi ziqholo zokutya, abantu abaza kutya ukutya kwakho baza kwaneliseka nakanjani! Sikupha isipho esiza kukwenza ukuba upheke ukutya okunambithekayo." UKhwezi wabulela waphaphatha, wathatha iziqholo wazifaka kwisingxobo sakhe. Wayesazi ukuba wayezifumene zonke izinto awayezidinga. Waziva esemandleni waza waqalisa uhambo lwakhe olubuyela elalini yakwaNdlovu.

11

Wathi xa efika ekhaya babe abahlali bemvuyela, bemjikeleza befuna ukuva konke ngohambo lwakhe. Waqala wababalisela ngayo yonke into ayibonileyo, ayivileyo nayityileyo. Emva koko wavula isingxobo sakhe wababonisa izinto awayeziphiwe. Abantu belali bavuya kakhulu baze bazamkela ezi zipho. Ububele nesisa sabanye abantu kunye nobugorha bukaKhwezi babuyisela umbala, umculo kunye nomxhentso kubantu belali. Le, yaba yindlela owabuyiswa ngayo umoya wokubhiyozela iNtwasahlobo kubantu belali yakwaNdlovu.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ukukhangela umoya weNtwasahlobo
Author - Mosa Mahlaba
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Selina Masego Morulane
Language - isiXhosa
Level - Read aloud