UNangila igorhakazi
Violet Otieno
Vusi Malindi

Kudala-dala, kwakukho indoda eyayinesilonda esibi emlenzeni. Yayingakwazi ukuma nokuhamba. Le ndoda yayihlala elalini nenkosikazi yayo kunye nabantwana babo.

1

Esi sibini sasinoonyana abathathu kunye nentombazana enye. Igama lentombazana yayinguNangila. Umsebenzi kaNangila yayikukunakekela uyise. Amakhwenkwe wona ayesebenza emasimini esolusa nemfuyo.

2

UNangila wayeyintombazana entle. Bonke abantu belali babemthanda futhi bemhlonipha. Abazali bakhe bona babefunela intombi yabo isoka eliqotho. Benza iqhinga elinzima ukuze bafumane eyona ndoda emfaneleyo.

3

Umntu owayefuna ukutshata noNangila kwakufanele ayokufuna iyeza elalifumaneka echibini elalikufutshane nelali leyo. Eli yeza lalizokupholisa isilonda sikatata kaNangila. Kodwa leli chibi laligcwele iziporho nezithunzela ezinobungozi.

4

Amanye amadoda azama ukuya kukha eli yeza kodwa abuya elambatha. Amanye amadoda awazange abuye kwa ukubuya kwelo chibi.

5

UNangila wakhathazeka. Nditsho nabantakwabo babengakwazi ukufika echibini. Ngoko wagqiba ekubeni ayokulikha ngokwakhe eli yeza. Umama wakhe wathi, "Mntwana wam, ucinga ukuba uza kuphumelela na, njengokuba namadoda anamandla ohlulekile?" Kodwa uNangila wayesele esithathile isigqibo, engasenakubuya ngamva.

6

Endleleni eya echibini, uNangila wadibana nexhegwazana elalithwele inyanda yeenkuni. Walithwalela inyanda yalo ixhegwazana. Ixhegokazi labulela laze lathi kuNangila, "Ndiza kukuxelela indlela onokufikelela ngayo echibini leziporho nento ekufanele uyenze xa ufika khona."

7

Wathi xa efikelela enyeleni yechibi, uNangila wabona usapho lweziporho lisela yaye lixhentsa. Walinda wabukela. Suke iziporho zabiwa bubuthongo ngasinye ngexesha.

8

Kwathi xa sele zilele zonke, uNangila wantywilela echibini. Walifumana iyeza waze walifaka epokothweni yakhe. Uthe xa edada ebuyela enyeleni, suke amaza aba made ukumodlula.

9

Iziporho zazisele zivukile ngelixa uNangila efika enyeleni yechibi. Wayesoyika kodwa wacula ingoma awayeyifundiswe lixhegwazana: Mna, ntombi kaWekesa, Ndiphuma echibini. Ndize apha ngoba amadoda ayoyika ukuza. Utata uyalidinga eli yeza ukunyanga isilonda sakhe. Yiyo le nto ndilapha nje, Endaweni apho abaninzi Boyikayo ukufikelela, Kuba nina niphethe.

10

Ilizwi likaNangila lalimnandi kangangokuba iziporho zamcela ukuba aziculele aphindaphinde amatyeli amaninzi. Ukucula kwakhe kwenza ukuba iziporho ziphinde zibiwe bubuthongo. Wasuka apho wathi ngqe-e-e-e ukugoduka ephindela elalini yakhe.

11

Bonke abantu babelindele ukubuya kukaNangila. Emva kokunyanga isilonda sakhe ngeyeza, uyise wakwazi ukuphakama kwakhona. Ilali yonke yalilizela incoma uNangila.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNangila igorhakazi
Author - Violet Otieno
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs