UNandipha intombazana elincoko
Gaspah Juma
Jesse Breytenbach

Kudala kwaye kukho intombazana egama linguNandipha. UNandipha wayekuthanda kakhulu ukuncokola. Umama wakhe wayehlala emnqanda njalo ngobu buncoko bakhe, kodwa akazange amamele.

1

Ngenye imini uNandipha wagulelwa ngumakazi wakhe owayehlala entlanjeni kude kufuphi nelali yakhe.

2

Umama kaNandipha wayexakeke kakhulu ngaloo mini. Kwakusele kuhlwile ngelixa wayenika uNandipha ukutya amakakuphathele umakazi wakhe ogulayo.

3

Endleleni eya kwamakazi, uNandipha wadibana neMbulu eyayizitshintshe yazenza umntu.

4

Imbulu yambuza ukuba uphethe ntoni na. UNandipha waphendula wathi, "Ndiphethe inyama, amaqanda nobisi."  Umama wakhe wayemlumkisile ukuba maze angaxeleli mntu ngezinto awayeziphethe.

5

UNandipha wayichazela imbulu ngezinto awayeziphathele umakazi wakhe ogulayo. Yaza imbulu yaqalisa kwangonko ukucinga ngenyama eyayiphethwe nguNandipha.

6

Yakhawuleza yagqotsa ukuya endlwini kamakazi kaNandipha.

7

Imbulu yafika yabimbiliza umakazi kaNandipha yaze yazigquma ngengubo.

8

Ngelixa uNandipha efika kwakuthule kuthe cwaka endlwini. Wangena ngaphakathi wakhwaza wathi, "Makazi uphi?"

9

Wathi xa engaliva izwi likamakazi wakhe wangena egumbini lakhe lokulala. Wothuswa kukubona umntu ozigqume ngengubo enkulu.

10

"Makazi, kutheni iindlebe zakho ziinkulu kangaka?" wabuza uNandipha. Imbulu yaphendula phantsi kwengubo yathi, "Ukuze ndikuve kakuhle."

11

UNandipha wabuza kwakhona wathi, "Kutheni amehlo akho emakhulu kangaka?" Imbulu yaphendula yathi, "Ukuze ndikwazi ukukubona kakuhle."

12

Ekugqibeleni uNandipha wabuza, "Kutheni umlomo wakho umkhulu kangaka namhlanje?" Imbulu yaphendula yathi, "Ukuze ndizokukubimbiliza kakuhle." Imbulu yaxhuma ebhedini yaze yambimbiliza uNandipha.

13

Ngenxa yoba uNandipha wayekuthanda ukuncokola, waye wancokola nasesiswini sembulu. Wayebuza imibuzo emininzi.

14

Ekugqibeleni, imbulu yadikwa yile mibuzo mininzi kaNandipha yaze yagqiba ekubeni imgabhe.

15

UNandipha nomakazi wakhe baye bahlangulwa ngabantu baselalini. Ukusukela ngaloo mini, uNandipha akazange aphinde ancokole nabantu angabaziyo.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNandipha intombazana elincoko
Author - Gaspah Juma
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Jesse Breytenbach
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs