UNja noXam
Candiru Enzikuru Mary
Rob Owen

"Sesiphi isilwanyana esishiye la maqanda apha?" kubuza uNja.

1

"Ndicinga ukuba la maqanda ngaka Dada," watsho uNja.

2

"Ndiza kuwa gada la maqanda," watsho ecinga uNja.

3

"Ukhe wawabona amaqanda wam?" wabuza uXam. "Hayi," kuphendula uNja.

4

UXam wahambela zonke izilwanyana ebuzisa, "Nikhe nawabona amaqanda wam?"

5

Aqandusela amaqanda.

6

Abantwana baka Xam babesoloko belambile.

7

UXam watyelela uNja. Waweva amantshontsho wakhe ngaphakathi kwendlu kaNja.

8

UXam wakhawuleza wangena endlini kaNja, wamqhwaba.

9

UXam wamleqa uNja wada wayomfikisa emlanjeni.

10

"Uxolo, bendicinga ukuba ngamaqanda kaDada."

11

"Ndiyakuxolela," watsho uXam. "Ngoku siya hamba siyo qubha."

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNja noXam
Author - Candiru Enzikuru Mary
Translation - Nomalizo Mguye, Sheila Mandlate
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - First words