Kudala-dala, icilikishe nesele babe ngabahlobo.
Isele lalinomona bubuhle nenkazimlo yecilikishe.
"Wenze njani ukuze ubemhle? Jonga mna, ndimbi. Ndenze njani ngolwam ulusu?" latsho isele.
Lathi icilikishe, "Mamela, galela amanzi embizeni uyibeke emlilweni. Ecaleni kwakho."
Kodwa isele lathi, "Sendiyazi, ndiyayazi. Thula, mhlobo wam." Lahamba.
Lafika ekhaya lagalela amanzi embizeni.
Athe xa amanzi eqala ukubila, lazijula kuwo.
Ze latsha ulusu lakhe, laqhawukelwa nangumsila.
Endaweni yokuba liqhakazele libelihle nje ngecilikishe, laba libi nangakumbi!