USikhukukazi uqhatha uKhozi
Nathan Higenyi
Rob Owen

Kudala-dala, uSikhukukazi noKhozi babengabahlobo. Ngenye imini, uKhozi wafika uSikhukhukazi ephumle phantsi komthi neebhegi zakhe ezinegrosari. USikhukhukazi wayeme ngomlenze omnye.

1

UKhozi wabuza kuSikhukukazi, "Uphi omnye umlenze wakho?"

2

USikhukhukazi waphendula uKhozi wathi, "Unovenkile unqumle umlenze wam waze wandinika ezi bhegi endaweni yawo."

3

UKhozi wabuza kuSikhukukazi ukuba angakwazi na naye ukwenza loo nto. Naye wayeyifuna ibhegi egcwele igrosari. USikhukukazi wavuma.

4

UKhozi waya kunovenkile wamcela ukuba anqumle omnye umlenze wakhe aze amnike ibhegi enegrosari ngaphakathi. Unovenkile wavuma.

5

UKhozi wangcileza ngomlenze omnye wade wayokufika ekhaya. Wayonwatyiswe kakhulu zizinto awayezinikwe ngunovenkile.

6

Wathi akufika ekhaya uKhozi, wabona uSikhukukazi ehamba ngayo yomibini imilenze yakhe.

7

Wabanomsindo uKhozi waze waleqa uSikhukukazi. Kodwa akazange amfumane. Yiyo loo nto, uKhozi esoloko ekhangela amantshontsho kaSikhukukazi. Xa ethe walibona intshontsho, uyalibamba alitye.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
USikhukukazi uqhatha uKhozi
Author - Nathan Higenyi
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs