Ihlathi leenyoka
Joseph Sanchez Nadimo
Rob Owen

Ilali iSinyaire ijikelezwe ziinduli neentaba. Kuhlala iinyoka ezininzi kwihlathi elikwezi ntaba. Eyona nyoka inkulu yayibizwa ngokuba yi-Unyalego ngabantu belali. Le nyoka yayisoyikisa abantu abaninzi kuba yayiginya ibimbilize iibhokhwe kunye neegusha ezipheleleyo.

1

Ngenye imini u-Apiyo, u-Ajoh kunye no Atieno babesiya ehlathini beyokutheza. Umakhulu wala mantombazana wayewalumkisile wathi, "Nilumkele u-Unyalego inyoka enkulu. Ningathathi nenye into ehlathini ngaphandle kweenkuni." U-Ajoh akazange ayihoye nokuyihoya into awayeyixelelwa ngumakhulu wakhe.

2

Amantombazana apakisha umphako wobisi, iibhanana, ibhatata kunye namanzi. Athatha neentambo zokubopha inyanda kunye nezembe lokugawula iinkuni. Ahamba ke aphathelela ukuya ehlathini.

3

Endleleni amantombazana ayehamba ezincokolela nje futhi ehleka, kumnandi. U-Apiyo owayemdala kubo bonke wavakala esithi, "Thulani. Sele sisondele apho kuhlala khona u-Unyalego."

4

U-Atieno wathi, "Yehake, khanijonge nanga amazinyo ka-Unyalego abugolide, masiwathatheni." U-Apiyo wabakhumbuza, "Ningalibali imiyalelo kamakhulu. Akufanelanga ukuba sithathe nantoni na apha ehlathini ngaphandle kweenkuni."

5

U-Ajoh wathi, "Andiyikholelwa mna into ethethwa ngumakhulu. Ndicinga ukuba ubesitsho nje kuba engafuni ukuba sizithathele izinto esizithandayo. Unomona umakhulu. Ndiza kuwathatha mna la mazinyo egolide." Oodadewabo bakhathazeka kakhulu ngale nto. "Ajoh, uze ungathi khange sikuxelele." U-Ajoh akazange abahoye.

6

Kwathi kusenjalo kwathi gqi u-Unyalego ezokukhangela amazinyo akhe. Wacaphuka kakhulu akungawaboni. U-Unyalego weva amantombazana encokola futhi ehleka. Wazimela phantsi kwelitye elikhulu elalikufutshane nendlela amantombazana ayeza kudlula kuyo.

7

Amantombazana ayethwele iinyanda entloko. Eva ngomsindo wenyoka efuthayo, "Fu-u-u-u-u-u-u-u-u!" Oothuka azama ukuzimela. Nankuya u-Unyalego phambi kwabo evule umlomo wakhe elindele ukuluma.

8

U-Unyalego wawabuza amantombazana wathi, "Ngubani othathe amazinyo am egolide?" Akuzange kubekho mntu uphendulayo. Inyoka yathi ndiza kumfumana umntu owabileyo. "Lo ongenatyala uza kucula kakuhle angayenzi impazamo kodwa lowo onetyala yena uza kuthi xa ecula kwenzeke impazamo. Uza kuba kukutya kwam kweentsuku ezintathu ezizayo!"

9

U-Apiyo waqala wacula kakuhle akabinangxaki. Kwalandela u-Atieno, naye wacula kakuhle.

10

Ekugqibeleni kwacula u-Ajoh. Wayenexhala kakhulu. Wathi xa eqala ukucula ilizwi latshothoza namazwi engoma akavakala kakuhle. Wakhwaza u-Unyalego wathi, "Awukwazi ukucula kakuhle njengabanye?" Inyoka yabona ukuba nguye kanye u-Ajoh owayethathe amazinyo egolide.

11

Bimbilili! U-Unyalego wamginya u-Ajoh. Oodadewabo babaleka bagoduka bayokuxela esi senzo sibi kangaka esenzekileyo.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ihlathi leenyoka
Author - Joseph Sanchez Nadimo
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs