UZama uyincutshe
Michael Oguttu
Vusi Malindi

Umnakwethu omncinci ulala ebusuku kakhulu. Ndivuka ekuseni kakhulu, ngoba ndiyincutshe.

1

Ilanga lingeniswa ndim endlini.

2

"Uyinkwenkwezi yam yasekuseni," utsho uMa.

3

Ndiyazihlamba, andifuni kuncedwa.

4

Ndiyamelana namanzi abandayo, nesepha emzuba enukayo.

5

UMa uyandikhumbuza, "Ungawalibali amazinyo." Ndiyamphendula, "Asoze, hayi mna!"

6

Ndakugqiba ukuhlamba, ndibulisa utatomkhulu nomalumekazi, ndibanqwenelele imini emnandi.

7

Ze ndizinxibise, "Ndikhulile ngoku mama," nditsho.

8

Ndiyakwazi ukuvala amaqhosha kwaye ndiqhine nemitya yezihlangu zam.

9

Kwaye ndiqinisekise ukuba umnakwethu omncinci uyazazi zonke iindaba zasesikolweni.

10

Ndenza konke okusemandleni egumbini lokufundela.

11

Yonke imihla ndenza zonke ezi zinto zilungileyo. Kodwa eyona nto ndiyithanda kakhulu, kukudlala.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UZama uyincutshe
Author - Michael Oguttu
Translation - Nokuthula Bernelee Dyonase
Illustration - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Level - First sentences