Intwala eyatyunyuzwayo
Zimbili Dlamini
Magriet Brink

Kudala, kwakukho abafana ababini ababelahlekelwe ziinkomo.

Bazikhangela iinkomo kwade kwarhatyela.

1

Kusarhatyele njalo, babona isibane komnye umzi.

Bavumelana ngokuyocela indawo yokulala apho.

2

Baya kulo mzi bankqonkqoza. Lwavuleka ucango baze bangena.

Abafana zange babone mntu. Kodwa beva ilizwi libabulisa.

3

Lathi ilizwi, "Ndiyintwala. Vulani imbiza nitye. Vulani la mbiza yomdongwe nisele amarhewu."

4

Yaze ke intwala yanxiba ulusu lwayo yaphuma.

5

Abafana batya, basela, baze babulela. Bemka kulo mzi.

6

Besahamba njalo, babanengcinga embi. Bathi, "Hayi, ayinokwenzeka into yokuba siphiwe ukutya yintwala."

Ekugqibeleni bavumelana ukuba bajike bayotyumza le ntwala.

7

Babuyela kula mzi baze bayityumza intwala.

Ngephanyazo intwala yanyamalala, yaze nendlu yanyamalala!

Bazifumana bengaphandle ethafeni.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Intwala eyatyunyuzwayo
Author - Zimbili Dlamini
Translation - Nokuthula Bernelee Dyonase
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs