UTom, umthengisi webhanana
Humphreys Odunga
Zablon Alex Nguku

UTom uphethe ingobozi yeebhanana ezivuthiweyo.

1

UTom uya emarikeni uyothengisa iibhanana.

2

Abantu abasemarikeni bathenga iziqhamo.

3

Kodwa akukho mntu ozithengayo iibhanana zikaTom. Bakhetha ukuthenga iziqhamo ebafazini.

4

"Ekuhlaleni, ngabafazi bodwa abathengisa iziqhamo," batsho abantu. "Yindoda enjani na le?" bayabuza abantu.

5

Kodwa uTom akancami. Uyakhwaza, "Thengani iibhanana zam! Thengani iibhanana zam ezinencasa ezivuthiweyo!"

6

Omnye umfazi uthatha ipakethi yeebhanana engobozini. Ujonga iibhanana ngononophelo.

7

Lo mfazi uthenga iibhanana.

8

Abantu abaninzi beza esitendini. Bathenga iibhanana zikaTom bazitye.

9

Msinyane,   ingobozi ayinanto. UTom ubala imali ayenzileyo.

10

Aze uTom athenge isepha, iswekile, nesonka. Ufaka izinto engobozini yakhe.

11

UTom ungcekelela ingobozi entlokweni yakhe agoduke.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UTom, umthengisi webhanana
Author - Humphreys Odunga
Translation - Nokuthula Bernelee Dyonase
Illustration - Zablon Alex Nguku
Language - isiXhosa
Level - First words