Mamela umzimba wam
Noni
Angie & Upesh

Namhlanje andiyi esikolweni. Yiholide!

1

Namhlanje andizokubukela mabonakude. Kuhleli kungekho mbane!

2

Ndizakwenza ntoni kanene? Namhlanje ndizakumamela umzimba wam!

3

Kuqala, kufuneka ndithule. Ndithule cwaka. Ukuze ndikwazi ukumamela umzimba wam.

4

Ewe, ngoku ndiyawuva umphefumlo wam. Phakathi, phandle, phakathi, phandle.

5

Kwaye ndiyakwazi ukuphefumlela phezulu. Haaaaaaaaa! Naphantsi. Mmmmmmm.

6

Kwaye ndiyakuva nokubetha kwentliziyo yam!
Doodom, doodoom, dooo dooom.

7

Ingaba ndiyakwazi ukwenza intliziyo yam ibethe ngokukhawuleza okanye ibethele phezulu? Ewe, ngokuthi ndixhumaxhume amatyeli angamashumi amabini.

8

Jonga ngoku, intliziyo yam ibetha ngokukhawuleza.

9

Kwaye xa ndibeka iminwe yam esihlahleni sam, ndiyakuva ukubetha kwentliziyo yam!

10

Kwaye ndiyaziva ndihleka. Haha, haha, haaah, haaa!

11

Ndilila. Aaaaaaaaaaa!

12

Ndiqhwaba. Qhwa, qhwa, qhwa.

13

Ngapha koko, ndiyasiva isisu sam sigquma. Grrr, grrr, grrr.

14

Sisithi, "Ndityise, ndityise."

15

Nempumlo yam iyakwazi ukuva ivumba lamaqebengwane abhakwayo egumbini lopheka likamama.

16

Kuyonwabisa ukumamela umzimba wam. Kwaye ngoku ndifuna ukuva imihlathi yam ihlafuna.

17

Nesisu sam sibimbiliza amaqebengwane kamama ashushu kamnandi!

18
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Mamela umzimba wam
Author - Noni
Translation - Nokuthula Bernelee Dyonase
Illustration - Angie & Upesh
Language - isiXhosa
Level - First sentences