Ibali elihlekisayo
Khothatso Ranoosi
Khothatso Ranoosi

UKhotso ukhwele idonki. Idonki yakhe iluhlaza okwesibhakabhaka. UKhotso nedonki yakhe batya kunye.

1

UMakhulu umaThabo uyapheka. Upheka ngembiza emnyama. UMakhulu umaThabo nekati yakhe batya kunye.

2

Inkomo kaNeo iluhlaza okwengca. Inkomo inyathele uNeo elunyaweni. Uwisa ibhakethe lakhe lobisi.

3

Utata uPhakane unehashe elimhlophe. Ihashe lakhe lomelele kakhulu. Ihashe lakhe litsala ikhuba lokulima lilodwa.

4

UThabang uqhuba imoto yakhe. Uhamba nenja yakhe. Inja kaThabang ingcolise imoto ngelindle!

5

Idonki eluhlaza okwesibhakabhaka, inkomo eluhlaza okwengca, ihashe elimnyama, kunye nekati kamakhulu zingena kwimoto kaTata uThabang. Zonke ziqalisa ukucula. Ngubani oyena ocinga ukuba unelona lizwi limnandi?

6
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ibali elihlekisayo
Author - Khothatso Ranoosi
Translation - Sonwabile Mayekiso
Illustration - Khothatso Ranoosi
Language - isiXhosa
Level - First sentences