Isikhukukazi noKhozo lombona
Winny Asara
Magriet Brink

Isikhukhukazi noKhozo lombona babengabahlobo. Kodwa babehlala bekhuphisana ngalo lonke ixesha. Ngaminazana ithile bagqiba kwelokuba badlale ibhola ekhatywawo ukuze babone ukuba ngowuphi ogqwesayo.

1

Baya kwibala lebhola baqalisa ukudlala. Isikhukukazi sasinamendu kodwa uKhozo lombona lwalunamendu agqithisileyo. Isikhukukazi sasikhabela kude, kodwa uKhozo lombona lwalukhabela kude kakhulu. Isikhukukazi saqalisa ukuqumba.

2

Bagqiba kwelokuba bakhuphisane ngokukhabela kwizinti. Isikhukukazi safumana inqaku elinye kuphela. Yaba lithuba lesikhukukazi ukukhusela inqaku kwizinti.

3

Ukhozo lombona lwakhaba ibhola lwafumana inqaku. UKhozo lombona lwakhaba-khaba ibhola lwafumana inqaku. UKhozo lombona lwabetha ibhola ngentloko lwafumana inqaku. UKhozo lombona lwafumana amanqaku amahlanu.

4

Isikhukukazi savutha ngumsindo kuba soyisiwe kumdlalo. Isikhukukazi sasingakuthandi ukoyiswa. UKhozo lombona lwahleka kuba umhlobo walo wayekhathazeka yinto engenamsebenzi ngolu hlobo.

5

Isikhukukazi saba nomsindo sawuvula umlomo waso saluginya uKhozo lombona.

6

Sathi isikhukukazi sisendleleni eya ekhaya sadibana noMama woKhozo lombona. Wabuza wathi uMama woKhozo lombona, "Ingaba umbonile na umntwana wam?" isikhukukazi zange sithethe nto tu. UMama woKhozo lombona waxhalaba kakhulu.

7

Kwathi kusenjalo uMama woKhozo lombona weva ilizwi elincinane. "Ndincede mama!" latsho eli lizwi. UMama woKhozo lombona wabheka-bheka wamamelisisa. Eli lizwi lalisitsho ngaphakathi kwisikhukukazi.

8

UMama woKhozo lombona wakhwaza wathi, "Sebenzisa Amandla wakho wobugqi sana lwam!" Iinkozo zombona ziyakwazi ukwenza ivumba elibi nencasa enganyamezelekiyo. Isikhukukazi saqalisa ukungaziva mnandi.

9

Isikhukukazi sabhodla. Saginya satshica. Sathimla sakhohlela. Sakhohlela kwakhona. Lwalulubi kakhulu olo khozo lombona.

10

Isikhukukazi sakhohlela sakhohlela lwade lwaphuma ukhozo lombona esiswini sesikhukukazi. UMama woKhozo lombona nosana lwakhe barhoqoza benyuka ngomthi besiya kuzimela.

11

Ukususela loo mini isikhukukazi nokhozo lombona baba ziintshaba.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Isikhukukazi noKhozo lombona
Author - Winny Asara
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs