UMgcini nekhaya leenkedama
Ursula Nafula
Magriet Brink

Eli bali lithetha ngoMgcini nekhaya lakhe lezilwanyana eziziinkedama.

1

Le nyanga iphelileyo ibixakeke kakhulu kweli khaya. UNomsa ononyaka omnye ezelwe waba ngokowokuqala ukufika. Wayebhityile ekhathazekile.

2

Kodwa ngokukhawuleza, uNomsa womelela. Waqalisa ukudlala nezinye izilwanyana.

3

Ngenye imini kulonyanga, kwafika inqwelo-ntaka kwelo khaya leenkedama.

4

Kulo nqwelo-ntaka kwakukho intshontsho lendlovu lembathiswe ngengubo enkulu.

5

UNdiwa wayephantsi kwengubo. Wayeneentsuku ezintlanu ubudala. UMgcini wancancisa uNdiwa ibhotile.

6

Ngobunye ubusuku, wonke umntu wavuswa kukufika kuka Ambia.

7

U-Ambia wayeneenyanga ezintlanu ubudala. Wayebuthathaka emva kohambo lwakhe olude.

8

Ngenxa yentamo yakhe ende, uMgcini wayibambela phezulu ibhotile encancisa u-Ambia.

9

Iinkedama zokugqibela ukufika kulo nyanga zilambile yayingamantshontsho uKopi, uKepi kunye noKeji.

10

UMgcini nabancedi bakhe bazithanda zonke izilwanyana, nditsho nezihluphayo.

11

Abantu abakwikhaya lenkedama basebenza ngamandla. Bathemba ukuba ngenye imini iinkedama zingakwazi ukuziphilela. Ezi zilwanyana zibuyele endle.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMgcini nekhaya leenkedama
Author - Ursula Nafula, Nina Orange
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Magriet Brink
Language - isiXhosa
Level - First sentences