UPalesa uthanda izityalo
Ursula Nafula
Jesse Pietersen

Lo nguPalesa. Uneminyaka esixhenxe ubudala. Igama lakhe lithetha ukuthi 'intyatyambo' kulwimi lwakhe iSetswana.

1

UPalesa uyavuka athethe nomthi weeorenji. "Nceda mthi weeorenji, khula ube mkhulu usinike amaorenji amaninzi avuthiweyo."

2

UPalesa uhamba ngeenyawo ukuya esikolweni. Endleleni uthetha nengca. "Nceda ngca, yiba luhlaza kakhulu ungomi."

3

UPalesa udlula kwiintyatyambo zasendle. "Ncedani zintyatyambo, qhamani ukuze ndihombise ngani iinwele zam."

4

Esikolweni uPalesa uthetha nomthi osembindini wesakhiwo. "Nceda mthi, khupha amasebe amakhulu ukwenzela sifundele phantsi komthunzi."

5

UPalesa uthetha nemithi yokubiyela ejikeleze isikolo sakhe. "Nceda ukhule womelele, unqande abantu abakhohlakeleyo bangangeni."

6

Xa uPalesa ebuyela ekhaya esuka esikolweni, undwendwela umthi weeorenji. "Ingaba awakavuthwa amaorenji wakho?" uyabuza uPalesa.

7

"Amaorenji aseluhlaza," wanesingqala uPalesa. "Ndiyakukubona ngomso mthi weeorenji," watsho uPalesa. "Mhlawumbi uyakube sele unalo iorenji elivuthiweyo lam."

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UPalesa uthanda izityalo
Author - Ursula Nafula
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Jesse Pietersen
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs