Ingozi yokulahla umama
John Nga'sike
Zablon Alex Nguku

Kwakukho indoda eyayigama lingu Lodipo. Wayehlala kunye no mama wakhe, nabafazi bakhe ababini, u-Akai no Akitela.

1

Unkosikazi kaLodipo wokuqala, u-Akai, yayinguye kuphela owayencedisa umama kaLodipo owayengasaboni.

2

Mini ithile, u-Akitela, inkosikazi encinci kaLodipo, wacebisa umyeni wakhe esithi, "Masihambe siyokuhlala kwenye indawo."  Wayeziva engasakhuselekanga, kuba apho babehlala khona, babehlaselwa ngabaphangi beenkomo.

3

ULodipo waxelela u-Akitela ukuba umama wakhe wayengafuni ukushiya ikhaya lakhe. Kodwa u-Akitela wanyanzela ukuba bahambe, bamshiye umama kaLodipo. "Ukuba asihambi apha, ndizakubuyela ekhaya kubazali bam," wakhala u-Akitela.

4

ULodipo wayemthanda kakhulu u-Akitela. Ngoko ke, wavuma ukushiya umama wakhe. Baqalisa ukulungiselela uhambo. U-Akai, umfazi wokuqala, wayengonwabanga nakancinci sesisehlo.

5

Umama ka Lodipo wayezihlalele phantsi komthi engazi nokuba kwenzekani. "Singamshiya kanjani eyedwa?" Wazibuza u-Akai, ekhathazeke kakhulu.

6

ULodipo wathatha inkamela, walayisha zonke iimpahla zabo. Wakuqgiba, wahamba kunye nabafazi bakhe bobabini. Bamshiya ke umama wakhe, bengatshongo nokuba bayahamba. Walila u-Akai, ezele lusizi ngokushiya uninazala wakhe eyedwa.

7

Umama ka Lodipo washiyeka yedwa ekhala inyembezi, ecula lengoma: "Awesita Lodipo Ngina Ekitae Ka ng'akinei, Nakolong kedounio, Nitonoma tani Akolong'a Awesiti ngina, Awesiti a Lodipo ngina Eriamaros morua polonia."

8

Emva kokuba uLodipo ehambile nabafazi bakhe, kuye kwafika abaphangi beenkomo, bahlasela ekuhlaleni.

9

Babuza kumama kaLodipo ukuba uphi unyana wakhe. Babemkhangela, befuna ukumbulala. Wabacenga esithi, "Nincede ningambulali u-Akai."

10

Umama kaLodipo wacela abaphangi ukuba babuye nenkunzi yakhe yegusha, uLodipo awayehambe nayo.

11

Baye bahamba ke aba bahlaseli, beyokukhangela uLodipo. Bathe bakumfumana, bambulala kunye nomfazi wakhe omncinci u-Akitela.

12

Uye wabuya ke u-Akai, kunye nenkuzi yegusha kamama kaLodipo. Bahlala kunye ngolonwabo ekhayeni labo.

13
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ingozi yokulahla umama
Author - John Nga'sike
Translation - Apiwe Magadla
Illustration - Zablon Alex Nguku
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs