Kutheni iimvubu zingenaboya nje
Basilio Gimo
Little Zebra Books

Ngaminazana ithile, uMvundlana wawuzihambela ngasemlanjeni.

1

UMvubu naye wayelapho, ezithele chu emane ukugramza ingca eluhlaza.

2

UMvubu wayengaboni ukuba uMvundla ukhona nawo apho, waze ngelishwa wathi gximfi enyathela unyawo loMvundla.

Wasitsho isikhalo uMvundla ekwangxolisa uMvubu, "Hheyi wena Mvubu! Awuziboni ukuba uyandinyathela enyaweni?"

3

Waxolisa uMvubu kuMvundla, "Ndiyaxolisa kakhulu mhlobo wam. Andikubonanga. Yhini! Khawundixolele kaloku!"

Kodwa uMvundla wayengafuni nokuva waqhubeka ukungxolisa uMvubu, "Wenze ngabom nangoku! Ngenye imini, inene ndiza kukufumana, uzukhangele! Uzawuva shu nawe!"

4

Wahamba emva koko uMvundla esiya kukhangela uMlilo, wafika wathi, "Hamba, uyotshisa uMvubu xa ephuma emanzini ezokutya ingca. Undinyathele!

Waphendula uMlilo, "Ilula loo nto, Mvundla mhlobo wam. Ndiza kwenza njengokuba usitsho."

5

Ethubeni uMvubu wabantu esazityela ingca kude le nomlambo suka kwevakala "u-wushu!"

UMlilo udubule waba ngamadangatye watsho ukubutshisa bonke uboya bukaMvubu.

6

UMvubu wakhala ebaleka ukuya emanzini. Bonke uboya bakhe babutshe baphela emlilweni.

Waqhubeka ekhala uMvubu, "Uboya bam butshe baphela tu emlilweni! Ubutshise bonke uboya bam! Uboya bam, uboya bam buphele bonke vuthu! Obuhle kangako bona uboya!"

7

Yiyo loo nto iMvubu ingahambeli kude namanzi kuba yoyika ukuphinda itshiswe nguMlilo.

Wavuya uMvundla xa ebona uMvubu etshiswe nguMlilo, ekhwaza esithi, "Heke, ndimfumene, ndimfume-e-ene!"

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Kutheni iimvubu zingenaboya nje
Author - Basilio Gimo, David Ker
Translation - Little Zebra Books
Illustration - Little Zebra Books, Carol Liddiment
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs