Azivumelekanga iihagu apha
Basilio Gimo
Little Zebra Books

Kudala-dala, kwakukho iqela lezilwanyana ezineempondo elagqiba kwelokuba zibe nomdliva wetheko phezulu ezintabeni.

Zamema ezinye izilwanyana ezineempondo kuphela. Hayi ezinye.

1

Yathi ihagu yakuva ngeli theko, yacinga, "Heee, andinazimpondo kanene. Ndiza kuthini bethu?"

2

Ngengomso, yeza necebo. Yazenzela iimpondo!

Yazincamathisele ngamafutha okuncamathisela.

3

Lasebenza nyhani eli cebo, nehagu yazingomba isifuba ngokuhlakanipha xa ivunyelwa ukuba ingene kwitheko.

Ingxaki yayile yokuba umcimbi lo wawukwindawo ekufuphi nelanga.

4

Lathi lisakuyondelelana itheko, kumnandi nyhani kujuxuzwa, suke aqalisa ukunyibilika amafutha.

Yhoo! Nazo iimpondo zisiwa. Zothuka ezinye izilwanyana ezineempondo. "Ngubani ke ngoku lo ungenampondo? Ungene njani apha?" zabuzana.

5

Ikumkani yezilwanyana yangqokola isithi, "Nqakulani loo hagu niyiphosele kude le emhlabeni."

Hayi ke, zonke izilwanyana zithe zakuva ilizwi elibekwe yikumkani, zenza ngehagu njengoko ziyalelwe.

6

Zayixhakamfula ihagu, zayiphosa kude le ezantsi emhlabeni.

Owu usizana lwehagu! Laya kuwa bhuu phantsi ngempumlo. Impumlo yaba sibaca torho paca.

7

Ungothuki ke xa ubona ihagu inempumlo ethe paca ukuba sibaca oku, kuba ayizange itshintshe kusukela nga loo mini.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Azivumelekanga iihagu apha
Author - Basilio Gimo
Translation - Little Zebra Books
Illustration - Little Zebra Books, Laura Libertore
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs