UNaka noNala bathetha ngomlilo
Glanice Masilo
Sibusiso Khumalo
“Khawuleza Naka siza kufika emva kwexesha esikolweni!” kukhwaza uNala.
-
“Ndiyagodola! Masime sibase umlilo ukuze sibe shushu,” kutsho uNaka.
1
UNala uyabuza esithi, “Ulibele ukuba umakazi wathi masingadlali ngomlilo?”
-
UNaka uphendula athi, “Ndamva, kodwa asikho phakathi endlwini ngoku!”
2
UNala uthi, “Sisendleleni kodwa umlilo useyingozi. Umlilo uyakhawuleza ukunwenwa ibe ungonakalisa izinto ezininzi.”
-
UNaka uyacinga ngale nto.
3
UNaka uthi, “Kodwa kudala abantu babesebenzisa umlilo kuphela ukuze bafumane ubushushu nokuze bakhanyise. Abantu babepheka ngawo, bazifudumeze baze bakhanyise.”
4
UNala uphendula athi, “Umlilo ubalulekile kodwa kunzima ukuwulawula. Kungoko umakazi esithi abantwana mabangawubasi umlilo. Wonke umntu kufuneka aqaphele.”
5
UNala uqhubeka athi, “Umbane ukhuselekile ibe ucocekile kunokubasa iinkuni namalahle.”
-
Wongeza athi, “Ukubasa ezo zinto kuyangcolisa.”
6
Uyawazi ukuba ubaswa njani umlilo?” uNaka uyabuza.
-
UNala ucacisa esithi, “Ngamanye amaxesha xa into yokubasa idibana nomoya kuye kubekho intlantsi. Uqala njalo ke umlilo.”
7
“Xa umoya udibana nento yokubasa ngamaqondo obushushu afunekayo, kuqala kuvele idangatye, emva koko uvuthe. Ngokomzekelo, kumaxa uhlikihla isikhuni ngesinye, okanye uqhwitha umcinga wematshisi.”
8
UNaka uthi, “Umlilo wenza kubekho umsi.”
-
UNala uyavuma esithi, “Ewe, sesinye isizathu sokuba singawubasi phakathi endlwini umlilo. Akukho mpilweni ukuthi uphefumla ube urhaxwa ngumsi.”
9
UNala noNaka basesikolweni.
-
UNala ulumkisa athi, “Khumbula, ungaze ushiye ikhandlela okanye umlilo uvutha. Umlilo ungazitshisa izindlu nabantu!”
10

Imibuzo


  1. Ngubani ofuna ukubasa umlilo? Kungokuba kutheni?
  2. Chaza imisebenzi emi3 yomlilo.
  3. Chaza izinto ezi3 eziyingxaki ngomlilo.
  4. Kukuthini ukungcolisa?
  5. Chaza iindlela ezi2 zokuzikhusela emlilweni.
  6. Khangela iindlela obizwa ngayo umlilo ngezinye iilwimi ezi3. Zoba umfanekiso onala magama.
11
Your attribution should include the following:
Title: UNaka noNala bathetha ngomlilo
Author/s: Glanice Masilo
Translator/s: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s: Sibusiso Khumalo
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator