Please view the book
in landscape mode.
Utitshalakazi ucacisa ngentsholongwane kaGawulayo
Ntombifuthi Ncwayiba
Simon Mokoena
USihle yintombazana eneminyaka esixhenxe.
-
Ufunda kwisikolo samabanga aphantsi.
-
Uphathiswa ukutya ngumama wakhe yonke imihla xa esiya esikolweni.
1
Ngenye imini abantwana babesitya kunye phantsi komthi.
-
USihle wacinga, “Namhlanje ndiza kuzincama ndiye kubo. Bakhangeleka bonwabile, bayabelana ngokutya kwabo kwaye bancokola kamnandi.”
2
Akuya kubo uSihle, basuka abamhoya abathetha naye. Wabashiya edanile ephoxekile.
-
UNkosazana Mthetho, utitshalakazi wakhe, wakuqaphela oku.
3
USihle wajikela ngemva kwegumbi lokufundela waza utitshalakazi Mthetho wamlandela.
-
Waxelela utitshalakazi wathi, “Abanye abantwana abafuni kuhlala nam kuba ndinentsholongwane kaGawulayo.”
4
Emva kwexesha utitshalakazi wabo wababiza wathetha nabo.
-
Wabacacisela wathi, “IHIV yintsholongwane esasazeka ngokudibana negazi okanye nezinye iincindi ezisemizimbeni yethu.”
5
Utitshalakazi uMthetho waqhubeka wathi, “IHIV ayisasazwa kukudlala kunye, ukutya kunye okanye ukwangana.”
-
“Ningadlala kunye, nitye kunye kwaye nigonane.
6
Abantwana bavuya bakufundiswa ngeenyani zeHIV.
-
Baziva bedanile ngezenzo zabo, beza bafika bathi kuSihle.
-
“Sicela uxolo ngokukuphatha kakubi,” batsho bemanga uSihle.
7
Wonwaba ngoku noSihle esikolweni ukususela loo mini.
-
Wadlala ngokukhululekileyo nabanye abantwana.
8
Your attribution should include the following:
Title
: Utitshalakazi ucacisa ngentsholongwane kaGawulayo
Author/s
: Ntombifuthi Ncwayiba
Translator/s
: Ntombifuthi Ncwayiba
Illustrator/s
: Simon Mokoena
Assurer/s:
Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator