Please view the book
in landscape mode.
Imifuno isilungele!
Busile Cynthia Ndlovu
Tammi Mbambo
Isipinatshi yimifuno enamagqabi. Amagqabi aso akhula ngaphezulu komhlaba.
-
Ungasitya siphekiwe okanye sikrwada.
-
Isipinatshi silungele wonke umntu.
-
Imifuno isilungele sonke!
1
Ikhaphetshu lolunye udidi lwemifuno enamagqabi akhula ngaphezu komhlaba.
-
Ikhaphetshu lisilungele xa likrwada kwiisaladi naxa liphekiwe.
-
Izityebi nabahluphekileyo kufanele balitye ikhaphetshu ukuze babenemizimba esempilweni.
2
Iminqathe yimifuno eziingcambu. Ikhula ngaphantsi komhlaba.
-
Iminqathe inombala o-orenji. Yenza ukutya kwethu kubenombala.
-
Iminqathe igcina amehlo ethu esempilweni.
3
Eminye imifuno eziingcambu yibhitruthi. Inombala obomvumnyama.
-
Ibhitruthi idla ngokutyiwa iphekiwe, kodwa ungayitya nokuba ikrwada.
-
Ibhitruthi igcina iintliziyo zethu zisempilweni.
4
Amathanga nawo akhula ngaphezulu emhlabeni.
-
Sidla ngokulipheka ithanga. Linombala omthubi, oluhlaza, okanye o-orenji kwaye linembewu ezininzi.
-
Ithanga lisinceda ngokugcina imizimba yethu isempilweni.
5
Iitumato zikhula etyholweni okanye kumdiliya. Zinombala oluhlaza xa zisakhulayo, zize zibenombala obomvu oqaqambileyo xa zivuthiwe.
-
Zibangqukuva okanye zimile okweqanda. Zimnandi nokuba zityiwa zikrwada okanye ziphekiwe. Iitumato zikwaluncedo nasempilweni. Zingasetyenziselwa neenjongo zokunyanga.
6
Itapile inesiqu esingaphantsi ekuthiwa yityhubha.
-
Iitapile zimile ikakhulu okweqanda. Zinesikhumba esimdaka, zize zibemhlophe ngaphakathi.
-
Iitapile kufuneka uzipheke phambi kokuba uzitye.
7
Itswele yimifuno eyingqakumba ekhula ngaphantsi komhlaba. Lidla ngokuba mhlophe ngaphakathi.
-
Itswele liyaphekwa kwaye ungalitya likrwada (liyimithanyana).
-
Lo mfuno usinceda ekukhuseleni imizimba yethu kwizifo.
8
Your attribution should include the following:
Title
: Imifuno isilungele!
Author/s
: Busile Cynthia Ndlovu
Translator/s
: Sheila Mandlate
Illustrator/s
: Tammi Mbambo
Assurer/s:
Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator