Please view the book
in landscape mode.
Ikhompyutha ifana nengqondo yomntu
Patricia Ndlovu
Pexels; Pixabay
Ikhompyutha ifana nengqondo yomntu.
-
Ithabatha iinkcukacha yaye isebenza ngeenkcukacha.
-
Igcina iinkcukacha ize iphinde inikezele iinkcukacha.
1
Xa ikhompyutha isebenza ngeenkcukacha sithi ihambisa iinkcukacha.
-
Xa ikhompyutha igcina iinkcukacha sithi igcina iinkcukacha kwingqondo yayo.
2
Naxa uyicima ikhompyutha izixhobo zokusebenza ezihamba nayo zigcina iinkcukacha kwingqondo yayo.
-
Isixhobo esihamba nekhompyutha sifumaneka ubukhulu becala ngaphakathi kwikhompyutha.
3
Ifleshidrayivu okanye ifleshistikhi igcina iinkcukacha njengesixhobo esixhasa ukusebenza kwekhompyutha.
-
Ifleshistikhi ifakwa kwikhompyutha.
4
Sisebenzisa uluhlu lweenkqubo ukuze sisebenze ngeenkcukacha.
-
Uluhlu lweenkqubo luhambisa luze lugcine iinkcukacha kwikhompyutha.
-
Kukho iintlobo ngeentlobo zeenkqubo zemisebenzi eyahlukeneyo.
5
Izinto ekusetyenzwa ngazo kwiminxeba (kwiismatifowuni) luluhlu lweenkqubo.
-
Isishunqulelo / isifinyezo sendlela yokusebenza kwesixhobo sekhompyutha sithi yi‘app’.
6
Kukho izinto ezisetyenziswayo zokudlala imidlalo kwakunye nemidlalo eyonwabisayo, kuthiwa zii-apps.
7
Ungagcina iincwadi ezininzi kwikhompyutha.
-
Utyhila amaphepha encwadi ngokucinezela iqhosha okanye utyibilikise umnwe kwiskrini.
8
Ikhompyutha neintanethi zinxulumene yaye ziluncedo xa ufunda.
-
Ungasebenzisa i-intanethi uze ubukele ootitshala befundisa izifundo.
9
I-intanethi ingayindawo enobungozi.
-
Cela umntu omthembileyo akuncede xa usebenzisa i-intanethi naxa undwendwela iiwebhusayithi ezintsha (iziza zolwazi).
10
—
—
Imibuzo
Kukuthini ukuhambisa ulwazi?
Ikhompyutha izigcinaphi iinkcukacha?
Nika umzekelo wesixhobo sokugcina iinkcukacha.
Uluhlu lwenkqubo zekhompyutha lusinceda njani?
Kutheni udinga i-intanethi nje xa usebenzisa ikhompyutha?
11
—
—
Le ncwadi yenye kuluhlu lweencwadi ezine ezigxile kubuchwepheshe bale mihla siphila kuyo.
-
Le ncwadi yayilwa yaza yabhalwa njengenxalenye yeZenex Ulwazi Lwethu eyiprojekthi yokufundwayo kuka2021.
12
Your attribution should include the following:
Title
: Ikhompyutha ifana nengqondo yomntu
Author/s
: Patricia Ndlovu
Translator/s
: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s
: Pexels; Pixabay
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator