Isebenza njani ikhompyutha?
Patricia Ndlovu
Pexels; Pixabay
Iikhompyutha zisebenza ngeenkcukacha ezibizwangokuba yidatha.
-
Iinkcukacha zingangabo oonobumba nezikhamiso, zingangamanani, zingayimifanekiso nezandi.
1
Xa ufaka iinkcukacha / ulwazi kwikhompyutha, ikwayidatha leyo uyifakayo.
-
Ukuchwetheza kwikhibhodi yekhompyutha, leyo yenye yeendlela zokufaka idatha (iinkcukacha).
2
Sisebenzisa ezi zixhobo xa sifaka idatha (iinkcukacha) kwikhompyutha.
-
Ikhibhodi (1)
-
Imawusi (2)
3
Sisebenzisa ezi zixhobo xa sifaka idatha (iinkcukacha) njengezandi nemifanekiso:
-
Imayikhrofowuni (3)
-
Ikhamera (4)
4
Sikwafumana idatha (iinkcukacha) kwikhompyutha.
-
Le datha (ezi nkcukacha) siyifumana kwikhompyutha sithi yimveliso.
-
Isandisizwi (5) neskrini (6) zisinika imveliso.
5
Iskrini (6) sisinika imveliso yemifanekiso, oonobumba nezikhamiso kwakunye namanani.
-
Isandisizwi nezimameli (7) zisinika imveliso yesandi.
6
Izixhobo zekhompyutha eziphathekayo nesizibonayo zezo zihamba nekhompyutha.
-
Iskrini, ikhibhodi, izandisizwi, imawusi, imayikhrofowuni kwakunye nezimamelisi, zonke zizixhobo ezihamba nekhompyutha ukuze isebenze.
7
Ikhompyutha ifuna uluhlu lweenkqubo ukuze ikwazi ukusebenza.
-
Uluhlu lweenkqubo lunika imiyalelo kwikhompyutha ngendlela emayisebenze ngayo ngeenkcukacha ezahlukeneyo.
8
Iinkqubo neendlela ezisetyenziswa ngazo ziyinxalenye yoluhlu lweenkqubo zekhompyutha.
-
Umzekelo, udinga ikhamera kumnxeba smatifowuni) ukuze ukwazi (ukufota) ukuthabatha imifanekiso neevidiyo.
9
Xa ujonga ngaphakathi kwikhompyutha uya kubona ukuba kukho amalungu amancinci abizwa ngokuba ziitshiphsi zekhompyutha.
-
Iitshiphsi zekhompyutha zihambisa iinkcukacha ukuze isebenze ikhompyutha.
10

Imibuzo


  1. Sithi ziyintoni iinkcukacha ezikwikhompyutha?
  2. Ikhibhodi nemawusi zizixhobo, yimizekelo ye…
  3. Sithi ziyintoni iinkcukacha esizifumana kwikhompyutha?
  4. Nika imizekelo emibini yezixhobo ezibonakalayo nezibambekayo ezihamba nekhompyutha.
  5. Luyintoni uluhlu lweenkqubo?
11


Le ncwadi yeyesibini kuluhlu lweencwadi ezine zokwazisa ngemixholo yobuchwepheshe beekhompyutha. Le ncwadi yayilwa yaza yabhalwa njengenxalenye yeZenex Ulwazi Lwethu eyiprojekthi yokufundwayo kuka-2021.
12
Your attribution should include the following:
Title: Isebenza njani ikhompyutha?
Author/s: Patricia Ndlovu
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Pexels; Pixabay
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator