Please view the book
in landscape mode.
UNaka noNala bathetha ngamanzi
Eric Khorombi
Simon Mokoena
UNaka noNala benza umsebenzi wabo wasekhaya. Bafunda ngamanzi.
-
UNala uthi, “Amanzi awanambala nancasa, kodwa abaluleke kakhulu!”
1
UNaka uyavuma esithi, “Yonke into ephilayo iyawadinga amanzi. Abantu bayawasela, bapheka ngawo, bacoca ngawo baze bawasebenzise xa belima.”
-
“Nokwenza izinto kwimizimveliso,” uyongeza uNala.
2
UNala uthi, “Inxalenye yomzimba engaphezu kwehafu ngamanzi! Amanzi awapheleli ekupheliseni unxano. Imizimba yethu iyawadinga ukuze isebenze.”
3
UNala uthi, “Indawo eninzi emhlabeni inamanzi, njengemilambo, amadama neelwandle.”
-
UNaka uyanqwala esithi, “Ngaphezu kweenxalenye ezimbini zomhlaba ngamanzi.”
4
UNaka uthi, “Kodwa amanzi amaninzi emhlabeni anetyuwa. Mancinci kakhulu angenayo, la kanye adingwa ngabantu.”
5
“Kunzima ibe kufuna imali eninzi ukukhupha ityuwa emanzini. Kodwa abantu abakwazi ukusela amanzi anetyuwa, kufuneka angabinayo!” utsho uNaka.
6
UNala uthi, “Ewe, yiloo nto kufuneka sizihoye iindawo ezinamanzi angenatyuwa emhlabeni. Kufuneka singayingcolisi imilambo namadama.”
7
UNaka uthi, “Masifunde ngomjikelo wamanzi.”
-
UNala ucacisa athi, “Yinkqubo apho amanzi asuka emhlabeni onyukele emoyeni aze aphinde ehle.”
8
UNala uqhubeka athi, “Amathontsi amancinci amanzi onyuka aye esibhakabhakeni aze abe ngamafu.
-
Amanzi asemafini awela emhlabeni eyimvula, isichotho okanye ikhephu.”
9
UNaka uthi, “Ndinxaniwe, ndidinga amanzi!”
-
UNala uphendula athi, “Ewe, ingqondo yakho idinga amanzi ukuze icinge ize ifunde! Amanzi bubomi, waphathe kakuhle.”
10
—
—
Imibuzo
Ngubani odinga amanzi angenatyuwa? Ngoba?
Chaza imisebenzi yamanzi emi5.
Awona manzi maninzi emhlabeni anetyuwa okanye awanayo? Cacisa.
Zoba umjikelo wamanzi. Sebenzisa amagama akwelibali ukuze ucacise ukuba kwenzeka ntoni.
Luyintoni uguquko lwemozulu?
Chaza iindlela ezintathu uguquko lwemozulu elichaphazela ngayo isimo samanzi emhlabeni.
11
Your attribution should include the following:
Title
: UNaka noNala bathetha ngamanzi
Author/s
: Eric Khorombi
Translator/s
: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s
: Simon Mokoena
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2025
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator