Please view the book
in landscape mode.
ULihle noLwandle eHlotyeni
Glanice Masilo
Khanyisa Masemola
ULihle noLwandle baya kwithala leencwadi ukuze bafundele iimviwo.
-
ULihle ulinde phandle. Ukhwaza udadewabo esithi, “Khawuleza Lwandle!”
1
ULwandle uvala ucango lwangaphambili aze athi, “Masiye.”
-
ULihle uthi, “Kutheni unxibe ezo mpahla nje?
-
Kutheni? Uyagula?”
2
ULwandle uyancuma aze athi, “Ukuba kuyajika kubande, ndakube sendinxibile!”
-
ULihle uphendula athi, “Lusuku olushushu eHlotyeni. Unxibele ixesha lonyaka elingelilo!”
3
Njengoko behamba, uLwandle uthi, “Kusesekuseni, ibe ilanga seliphumile.”
-
ULihle uthi, “Ewe, kungoko abantu benxibe iimpahla zaseHlotyeni!”
4
ULihle ucacisa athi, “Ngeli xesha lonyaka, ilanga liphuma kwangoko lize litshone kudala kunamanye amaxesha onyaka. Iiyure ezininzi kumhlophe. Amaqondo obushushu aphezulu kakhulu eHlotyeni.”
5
ULihle ubuza ephelelwe ngumonde athi, “Akukhumbuli ukuba utitshala wayetheni?”
-
ULwandle uyacinga aze athi, “Ewe, eHlotyeni sisela iziselo ezibandayo. Ndifuna isiselo esibandayo!”
6
ULihle uthi, “EHlotyeni sinxiba iimpahla ezipholileyo. Abanye abantu bazikhusela ngesambreni elangeni.”
-
ULwandle ukhalaza athi, “Sukukhawuleza, ndiyatsha!”
7
ULwandle uyahleka aze athi, “Jonga wonke umntu uyazipholisa echibini ekuqujwayo kulo. Masiyokuqubha, kutshisa kakhulu, asinakukwazi ukufunda.”
-
ULihle unikina intloko.
8
“Ndithanda iigwava neelitshi,” utsho uLihle ejonge iziqhamo zaseHlotyeni ezithengiswayo.
-
“Ndinxaniwe,” utsho uLwandle ekhefuzela.
-
ULihle uyancuma aze athi, “Ina, ndize namanzi.”
9
ULwandle uyakhefuzela aze athi, “Kutshisa kakhulu! Liphela nini iHlobo?”
-
ULihle uyahleka aze athi, “Ingathi ngowuziqhelisa, lisanda kuqala iHlobo! Kuseza kubashushu kakhulu.”
10
—
—
Imibuzo
Khangela amagama ama3 kweli bali acacisa iHlobo.
Ngubani onxibe iimpahla ezilungele:
• uBusika?
• iHlobo?
Cacisa iimpendulo zakho.
Bhala izinto ezi2 esinokuzenza ukuze sizipholise.
Buyintoni ubungozi bokuba selangeni elishushu ixesha elide?
Fumanisa ngamazwe angamanye amahlanu eAfrika aneHlobo, uBusika, iNtwasahlobo noKwindla.
11
Your attribution should include the following:
Title
: ULihle noLwandle eHlotyeni
Author/s
: Glanice Masilo
Translator/s
: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s
: Khanyisa Masemola
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2025
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator